INZALELWANE YASEQONCE ICELA INKXASO KUMSEBENZI WAYO

Inzalelwane yase Qhaga kwiilali zase Qonce ithi inqwenela ukuba umsebenzi wakhe ungaqatshelwa ngakumbi kwaye ufumane inkxaso mali ubheke phambili.

U Asemahle Ngojo nomgumzobi art designer ngelamakhumsha, uthi ukhule ekuthanda ukuzoba, noxa ebengazobi nto ebhekephi ekukhuleni khange ayeke ukuzoba. Lo ka Ngojo nofunde amabanga aphezulu e Toise Senior Secondary School, uthe ngonyaka ka 2019 kulapho uthando lwakhe lokuzoba lwaye luqatsela lubanentsingiselo.

“Umntakwethu ophambili apha kum nowayethanda i art design ndandimane ukujonga apha kuye, kodwa wathi udabawo wam wokundikhuthaza ukuba ndiyokufunda e Lovedale eDikeni, azange ndiphozise maseko ndayokwenza izifundo ze art design ndisenza ne graphic design nomsebenzi we ceramics” utshilo, eqhuba ubalise ngendlela usapho lakhe ebelimxhasa ngalo ngethuba ekude kunekhaya.

Lo ka Ngojo uthi okwangoku uqapheleke kumakhasi onxibelelwano afana no facebook, apho ebefaka khona imizobo yakhe abantu bacele ukuzotyelwa ukuxhasa esisakhono sakhe. Ukwakhankanye elokuba apho wayefunda khona e Lovedale bebewuthatha umsebenzi wabo beyokubonisa ngayo nakwimicimbi efana ne Grahamstown Arts Festival nakweminye imicimbi ephantsi komasipala ombhaxa we BCMM. Ugqibele ngelithi unqwenela inkxaso ukuze abenokwazi ukuwenzela izakhelo umsebenzi wakhe aqhube abheke phambili. Umama wakhe uNobom Ngojo uthe, unyanakhe ukuthande ukuzoba ekhula ngoko ebengenakuma phambi kwento ayithandayo, “Ndimnqwenelela impumelelo, anga angaqatshelwa umsebenzi wakhe thina silusapho sizakuhlala simxhasa” ugqibele ngelitshoyo umama wakhe.

“U Asemahle ndiwuthandile kakhulu umsebenzi wakhe, mna ndihlala eRhawutini kodwa wathi wokundizomela ndawuxhoma kumakhasi onxibelelwano ndinovuyo” utshilo u Nokhuselo Maku nongomnye wabantu abathe baxhasa lomsebenzi. Uqhubile esithi uqaphele ukuba u-Asemahle wenza umsebenzi awuthandayo kwaye xa uthe makenze lonto uyikhupha ngobunjalo bayo uyayichana, ugqibele ngelithi ibingase abantu bangamxhasa njengoba nodade wabo ethe wabona kuye wafaka esakhe isicelo somzobo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *