Umhla weshumi elinesithandathu kweyeSilimela lusuku lolutsha olubambe indawo enzulu kwimbali yoMzantsi Afrika, lusebenza njegesikhumbuzo esichukumisayo sezenzo zobugorha kunye neminqweno yolutsha lwezizwe. Olu suku lukhumbuza imvukelo yase-Sowetho yowe-1976, ixesha elibaluleke kakhulu xa abantu abatsha base Mzantsi Afrika bema bechaza umbuso wengcinezelo wocalucalulo, befuna ubulungisa, ukulingana, nelungelo lemfundo esemgangathweni.

Ukubaluleka kwalomhla kudlulela ngaphaya kweziganeko zolo suku lweshwangusha, njengoko lubonakalisa umoya ongapheliyo wokuchasa kunye nokusukela inkululeko kwinkalo yemfundo.
Ngomhla weshumi elinesithandathu kweye-Silimela kulo umiyo, INkulu baphathiswa yePhondo leMpuma Koloni u-Oscar Mabuyane, ibibambe isikhumbuzo sonyaka wamashumi amane anesibhozo, eDebe Nek kumasipala wesithili wasemathole. Urhulumente waseMpuma Koloni usebenzise isikhumbuzo sosuku lolutsha kulo nyaka ngokuthatha amanyathelo abalulekileyo okuxhobisa abantu abatsha kunye nokubonelela ngenkxaso-mali eninzi, yeeprojekthi zolutsha kwiphondo liphela. Inxaleye yoku ibandakanya ukutyhilwa koshishino olusondele kwiibhiliyoni ezinhlanu kunye nophuhliso lwezakhono olutyalwe kwinyathelo elibanzi, ngalinye lijolise ekuphuculeni ubomi babantu abatsha babo nokuxhobisa ngezixhobo eziyimfuneko zokukhula nempumelelo.

Abathathi-nkxaxheba abaphambili, kuqukwa icandelo LezeMfundo noQeqesho kunye nabatyali-zimali becadelo labucala, bedibene norhulumente ukuxhasa amaphulo ophuliso lolutsha kwiphondo. Le projekthi yezakhono idlala indima ebalulekileyo ekukhuthazeni uphuhliso lwentlalo noqoqosho kulutsha, ilunika indlela zokukhulisa, ingqesho, kunye negalelo elibonakalayo kwimpumelelo yoluntu lwalo. Omnye wabaxhasi abaphambili kwezi nzame yiNgxowa-mali yeZakhono yeZizwe (NATIONAL SKILL FUND), esandul’ ukuzibophelela ngaphezulu kwe- 775 yezigidi zeerandi kwiprojrkthi entsha ejolise ekuqhubeni phambili uphuhliso lwezakhono, ezakunceda abantu abatsha abangama-6350 kwiphondo liphela.

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ithe urhulumente wephondo usebenzela ukutsala utyalo-mali kunye nokuxhasa ushishino olusakhulayo ukukhuthaza inkcubeko yokusulungula izinto ezintsha kunye nokubonelela ngezixhobo zokuqalisa, ukudala amathuba ezoqoqosho kunye nokunciphisa intswelo-ngqesho. “Njenge nkulumbuso, ndizimisele ngokunzulu ekuqinisekiseni ukuba ulutsha lwethu lunamathuba onke okuphumelela. Ndikhuthaza bonke abantu abatsha ukuba bazisebenzise ngokupheleleyo ezi nkqubo kwaye bathathe inkxaxheba ngokukhutheleyo kuhlumo nophliso lwePhondo lethu. Masiqhubekeni sakhela phezu komfutho wosuku lolutsha kwaye sisebenze kunye sijonge kwikamva apho wonke umntu omtsha waseMpuma Koloni angakwazi ukufezekisa amaphupha akhe kwaye abe negalelo kwimpumelelo ekwabelwana ngayo” utshilo lo kaMabuyane.