“IINTLIZIYO ZETHU ZIBUHLUNGU NGESIKOLO SABANTWANA BETHU”

Abazali kwilali yaseTyhusha eQonce, bathi banqwenela ukuba iSebe lezeMfundo lingajonga iinkalo zonke phambi kokuthatha isigqibo malunga nesikolo samabanga aphantsi I Tyhusha. Oko kuza emva kweentetho phakathi kwabazali kunye neSebe zokuba nanjengoko kulelali kukho izikolo ezimbini kwaye iskolo samabanga aphantsi iNonto saye safumaneka sinamanani aphantsi kakhulu, kunye namagumbi okufundela ashokoxekileyo, ngok ke kwagqitywa ukuba sizakuthi sidityaniswe neTyhusha.

Ngokwengxelo yabazali lemiba yashukuxwa ngonyaka ka 2017 eholweni laseQuzini. Kunyaka ka 2018 bathi baqaphela ukuba akhontshukumo yenzekayo malunga nesigqibo sokuba ezizikolo zidibane, ze bayalela iqumrhu elilawulayo labafundi (SGB ngamafutshane) ukuba lityelele kwi ofisi yase Bundy yeSebe lezeMfundo, e Schornville ukuze baqonde oku, nanjengoko bothuka I Nonto sele iphucula amabanga de yanebanga lesihlanu (Grade 7).

Ikanti ngokwengxelo yabazali bathi, bakhalazela ukuba banikwa ithemba kwenziwa ucaphulo lemali engange R6 million yokuthi ilungise isakhiwo sesikolo, ze bathenjiswa ngokuphathelwa iitishala kodwa ngoku ziyahanjiswa, “ISebe lisithembise ukuba lizakusinika oonyaka ababini ukuya kwabathathu ukuba sibenokulungisa iingxaki zethu kodwa ngoku siyamangala ngokuba sinotishala ohambayo ngenxa yomhlala phantsi, lona lifuna ukuhambisa omnye ngaphandle kwalo uhleli ehamba kakade, kulapho sikhala khona ukuba xa sizakushiyeka notishala omnye kubantwana abangapha kweshumi elinesihlanu, azakunyuka njani amanani abantwana ngoba kungoku uRhulumente uzifezekise kade izicelo zethu zokungabinabo abafundisi ntsapho babe abazali  sele bebathathile abantwana” batshilo abazali bebala izikhalazo abanazo ngakwisebe.

Isithethi seSebe uMalibongwe Mtima uthe, nangenxa yenani labantwana abakwisikolo samabanga aphantsi iTyhusha, kuye kunyanzeleke ukuba kulandelwe umgaqo wesebe kwaye yiyo lonto utishala omnye ingesosibetho kodwa kungenxa yenani eliphantsi kakhulu. Oka Mtima uqhube wathi umba wokuhlengahlengisa ezikolweni uthatha ixesha elide kwaye awuvelanga. Ngokwengcaciso ke uhlengahlengiso ezikolweni yinkqubo yokuhlengahlengisa izikolo ukuphucula umgangatho wemfundo nosetyenziso olungcono lwezibonelelo. Oku kubandakanya ukudibanisa izikolo, ukuhlenga-hlengisa iziseko zophuhliso lwezikolo, nokusasazwa ngokutsha kootitshala. Ukanti umtima ugqibele ngelithi “kuleminyaka bayinikwe liSebe, iSebe lizakuthi lisixhase isikolo ngokuthi siqhutywe bhetele kodwa abazokufumana ootishala kulenkxaso”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *