U tata waseGqeberha udutyulwe wabhubha ngaphandle kwesikolo samabanga aphakamileyo saseCillié ngentsasa yangoLwesihlanu, umhla weshumi elinesine kweyoKwindla.
Le ndoda, ebihleli kwiveni yayo yohlobo lweToyota Hilux kwindawo yokupaka iimoto phambi kwesango lesikolo eCommercial Road, ifikelwe ngabahlaseli abangaziwayo, bayidubula entloko nangaphezulu.
Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthi le ndoda eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe ubudala ibigqiba kushiya abantwana esikolweni phambi kokuba idutyulwe yabhubha.
“Isizathu sokubulala siyaphandwa,” utshilo.
“Ityala lokubulala lavulwa ngamapolisa aseMount Road.”
ICillié High iye yanqumamisa ukufunda ngolu suku kwaye yabakhulula abafundi bayo ukuba babuyele ekhaya.