IBANJIWE INDODA ERHANELEKA EKUBULALENI IBHINQA NOMNTWANA ONEENYANGA EZISIBHIZO

Kulindeleke ivele kwinkundla iNkowankowa ngoMvulo umhla wamashumi amathathu kule yoMsintsi, indonda yase Limpopo eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala ngezityholo zokubulala nezokuhlukumeza.

Oku kuza emva kokuba ibhinqa elineminyaka engamashumi amabini anesithathu nomntwana walo oneenyanga ezisibhozo befunyenwe betshe bangqongqa kwindlu ese Dan Village eRitavi ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesithandathu kulo umiyo, kweyoMsintsi.

U Brigadier Hlulani Mashaba, nosisithethi samapolisa ase Limpopo uthe esisehlo sikholeleka ukuba sinxulumene nokuxhatshazwa kwasekhaya. “Amapolisa aleqile ngokuva ngesiganeko somlilo nabalwa nomlilo bafikile ukuzokucima, nalapho ke baye bafumana imizimba emibini etshileyo kakhulu ukuba ibenokufaniswa” utshilo lo ka Mashaba

Ezama ukusinika umfanekiso ngqondweni wesenzo u Mashaba utyatyadule wathi “Uphando lokuqala luveze izenzo ezingaqondakaliyo zomrhanelwa phambi kwesiganeko esi. Amangqina adize iindlela ezisolisayo zomrhanelwa kuquka ukususa impahla yendlu kwakunye nevumba elingaqhelekanga ebelisuka kulendlu, kungekudala bathi babone umsi uphuma kuyo lendlu kulapho ahambe khona kwindawo yexhwayelo umrhanelwa”.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *