FROM THE DUSTY STREETS OF QHAGA TO GQEBERHA: THE EMPIRE

Wonke umzali ubanemincili xasele ebona umntwana wakhe ephumelela. U-Zolisa Kondile ongunyana womfama ophume izandla kwilali yaseQhaga eQonce, akaphelelanga nje ukugqwesa ezifundweni zakhe kwi dyunivesithi yabucala i-AFDA nanjengoko waye wagreda emva kokuphumelela i-Bachelor of Arts in Live Performance, uZolisa ubonakele kumabonakude engumlingisi kumdlalo owaziwa njengo-Gqeberha the Empire ngomhla weshumi elinesithathu kweyoMdumba kulo umiyo.

Elityendyana lakwaKondile libalise ngohambolwalo lisithi, yonke lento yasukela kunyaka ka 2008 kwisikolo samabanga aphantsi saseQonce esaziwa njenge Dale Junior apho wayelingisa umdlalo eqongeni eqala kodwa wabonakala ukugqwesa kuwo naye engayazi ukuba wenzenjani.

Kunyaka ka 2013 waqala wajoyina iklabhu ye drama eyayiphantsi koNkosazana Mntumni apho babelingisa umdlalo i-The Lion King kulapho uthando lokulingisa laqala khona nanjengokuba wachongwa ukuba abeyinkokheli ye drama (drama captain). Uqhube esithi ngoncedo loogxa bakhe u-Kamva Xhanywa kwakunye no Bavuyise Sindi imiboniso ebabeyiyila kulonyaka yayiyimpumelelo engummangaliso de wabe uyakwazi nokudlala Ikatara. Kondile uthe emvakokuba edlulele kumabanga aphakamileyo e-Dale College ngonyaka ka 2015, wafika idrama ingahoywanga kwabonakala ukuba nakuye umdla uphela ngokungxama.

Ngethuba eqala ukufunda kwi dyunivesithi yabucala I AFDA ngonyaka ka 2019 ubhubhane we covid waye waphazamisa kakhulu kodwa babuya bakwazi ukusebenza kunjalo. Uqhube wathi waye wabona ithuba lokuba anyuse iphondo leMpuma Koloni kwicandelo lokuzonwabisa (entertainment industry).

Uqhube esithi unyaka ka 2023 unyuke esehla ephanda nanjengoko imizamo yakhe bikhe yathanda ukucotha kodwa kumthathe inyanga ezilishumi elinanye ukuba afumane indlela yakhe yamsanqo kuGqeberha: The Empire. “Umnxeba endawufumanayo wawundiyayela ukuba ndiyafunwa ukuba ndiyokulingisa kuGqeberha:The Empire emvanje ndigqibo kutyikitya isivumelwano ne ‘Smoked Out Casting Agency’, zange ndilale luchulumanco nemincili ndandifuna ukuqinisekisa ukuba ndiyabachukumisa bachazeke ndimbabone ukuba ndiqinisekile”  lo ka Kondile uyivale ngelithi “Bekukudala ngoko lisiza ixesha lokuba iphondo leMpuma Koloni linikwe iqonga lokubonisa italente ekhoyo kulokuquka nokuba livelise kwalapha ephondweni.Ugqibelise ngelithi“Andikayifumani into endiyifunayo okwangoku, ndisayilambele kwaye ndizakuyizingela de ndiyifumane”

U-Mawethu Kondile onguyise ka Zolisa uthe, unyana wabo behlelinje uyabachazela xa esiyakwii auditions zeenkampani ngeenkampani bamnqwenelele okuhle, nayo le bayazi esaya kwi auditions. Uqhube esithi uvuyo abanalo nezizalwane nabantu belali yaseQhaga malunga noluphuhliso esithi kaloku kuthatha ilali yonke ukukhulisa umntwana. “ eyona endivuyisekakhulu mna njengoyise kukuba alandele iziyalo zam zomhla wetheko ezazisithi aliphakamise igama lakowethu, atsho ukuba ungumntwana waseQhaga, uMngwevu, kwaKondile, eMpuma Kapa ” utshilo uyise ebonakala ukuba uyazingca inene ngonyana wakhe uqhube esithi “Ndiyancoma ngokuba athathe isigqibo sokuba asebenzise u-Mr Kondile njenge gama lakhe lokulingisa.

Loo nto iliphakamisile kakhulu igama likakhokho wethu” ecacisa u-Kondile  wenjenje, lo bazibizangaye nguyise katatomkhulu wakhe owabhubha engekabikho umabona-kude, esithi notatomkhulu wakhe u-Mkhuthukane wasweleka engekabikho umabona-kude kodwa engazi ukuba kungaze kwisizukulwana sakhe kubekho oyakuthi aphakamise igama likaKondile kumabona-kude. Yiyo lonto neyenze ukuba ambhalele unyana wakhe umyalezo othi “Ndiyabulela mfowam ngokuphakamisa igama likakhokhowethu, uKondile. Sithi kumathambo amhlophe abo bonke abazibiza ngokhokho uKondile makashukume ngoku, nasi isizukulwana sabo siphakamisa uKondile kwi National Television. Ntinga ntakandini, unqandwe ziinkwenkwezi.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *