BASIJONGE NGAMEHLO ABOMVU ISITHEMBISO SOMPHATHISWA WESEBE LOKUHLALISWA KOLUNTU ABAHLALI BASE BREIDBACH EQONCE

Umphathiswa wesebe lokuhlaliswa koluntu ephondweni u-Siphokazi Lusithi wenze isithembiso kubahlali belokishi yase Breidbach eQonce, esithi ukususela kokuphela kwenyanga eyoKwindla  zingamashumi amabini izindlu ezizakuthi zinikezwe abahlali emva koko rhoqo ngeveki bazakuqinisekisa ukuba izindlu ezingamashumi amabini zizakunikwa abanikazi bazo. Esi sisithembiso usenze ngomhla weshumi elinesihlanu kweyoMdumba, ngethuba eyokunikezela ngezindlu ezilikhulu elinamashumi amathathu anesithoba ze projekthi eqhubayo yezindlu ezingamakhulu amahlanu anamashumi amathathu ananye.

U-Lusithi uthe kudala iprojekthi iqhuba kwaye iye yatsala ngenxa yamagingxigingxi adibene noqhagamshelwano lwamanzi, ukwathe “Ukulungiswa kwendlela kubenako ukubambezela leprojekthi kodwa zilikhulu elinamashumi amathathu anesithoba izindlu ezigqityweyo, sikwathembisa ukuba kwiiveki ezizayo iintsapho ezingamashumi amabini zizakuthi zifumane izindlu rhoqo de kubekanti siyayigqiba leprojekthi yezindlu ezingamakhulu amahlanu anamashumi amathathu ananye” uqhube esithi leprojekthi inkulu kakhulu kwaye ixabisa izigidi ezingamashumi asixhenxe anesithandathu eerandi.

Ongomnye wabaxhamli u-Lizette Zealand uthe badiniwe kukulinda kudala besemlindweni bemamela izithembiso ezenziwayo kubo kodwa nazo ziphelele esithubeni. “Bekumele ukuba singenile ezindlini zethu kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo, nanjengoko bebethembisile ukuba phambi kwe Krisimesi sizakungena ezindlini zethu kodwa kungoku asikangeni” uqhube esithi babuye bathenjiswa ukuba kulo umiyo unyaka bazakungena phambi kokufika kwepasika kodwa ngoku bava ukuba kuzakumane kunikezwa ngezindlu ezingamashumi amabini naleyo iyathandabuzisa kubo “Kutheni banganikezeli ngezizindlu bebethembise ngazo ezilikhulu elinamashumi amathathu anethoba bebethembise ngazo?” uqhube esithi mihlanu iminyaka belindile kuyacaca ukuba basezakulinda xa elisebe lisiza nento ethi lizakumane likhupha elinani. Ugqibele ngelithi ithemba ngoku liya liphela abayazi nokuba bakholelwe ntoni ngokuba izithembiso zona akhange zifezeke, kukho abade basweleka bengakhange babekanti bakwazile ukuhlala ezindlini zabo ezintsha.

“Sifuna ukubulela umphathiswa wephondo kwisebe Lokuhlaliswa Koluntu ngokuba leprojekthi ithe yatsala iinyanga ezinde ngenxa yamagingxigingxi athile nathe umphathiswa wawakhankanya, kodwa eyonanto endivuyisa kakhulu nanjengoko abahlali bexubile abahlala kulengingqi amaxesha amaninzi abebala badlangoziva bebekelwa bucala kodwa ngeli ilixa ngabona abathe baxhamla” Utshilo usodolophu womasipala ombhaxa I Buffalo City Metro u-Princess Faku.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *