Kugwetywe amakhosikazi amane emva kokuqhatha I Arhente yezeNtlalo yoMzantsi Afrika (Sassa).
Oku kuza emva kokubanga imali yesibonelelo sabantwana abangazange babakho. Isithethi secandelo loPhando ngoBugebenga obuPhambili (Hawks) ngelamafutshane, u Lieutenant Colonel Maonseni Nkosi uthe, lamakhosikazi agwetywe iminyaka emihlanu ethothoza entolongwenimntu ngamnye. Inkundla yase Nelspruit yoLwaphulo-mthetho yawisa isigwebo. “Abagwetyiweyo, uNonhlanhla Madalane oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu, Tswarelo Masuku oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, Nelile Shiba oneminyaka engamashumi amabini anethoba kunye no Prudence Nkosi oneminyaka engamashumi amathathu ananye, basebenzisene noonompilo ababini abangaziwayo befumana ubungqina bobuqhophololo bokuzalwa kwabantwana” uthethe watsho oka Nkosi
Ikomishini yathumela ummangali ephondweni. Eli tyala lathunyelwa kwiHawks Nelspruit Serious Commercial Crime Investigation ukuze kuphandwe ngakumbi. Uphando lubonise ukuba izenzo zobuqhophololo zaqala ngo-2012 kwaye zagqityelwa ukubonwa ngo-2023.
Aba basetyhini bavalelwa emva koko bakhululwa ngebheyile ngoMeyi ka-2023. Bavela izihlandlo ezininzi enkundleni phambi kokuba umntu ngamnye agwetywe iminyaka emihlanu entolongweni. Bakwanyanzeleke ukuba bayibuyise ngezavenge imali eyalahleka nguSassa.
“UMadalane uyalelwe ukuba ahlawule iR20,330, uMasuku, ahlawule iR20,238, uShiba noNkosi bobabini, ukuze ahlawule iR10,344,” uthethe watsho uNkosi.
UMajor General Nico Gerber, iNtloko yooKhetshe kwiPhondo laseMpumalanga, ulincomile eli qela ngokubeka ityala eliqatha enkundleni. UGerber uthe ulwaphulo-mthetho aluhlawuli, kwaye izaphuli-mthetho ngoku kufuneka zibuyisele imali. Inkxaso-mali karhulumente ilungiselelwe amahlwempu nabasweleyo, kungekhona amaqhophololo afuna ukuqhubela phambili izilangazelelo zawo zokuzingca.