Abaxhamli besibonelelo sika-SASSA, abasele befolele iiyure ezininzi, bavakalise unxunguphalo lwabo malunga nokulibaziseka abakufumanayo ukuzama ukutshintsha amakhadi abo kumakhadi amnyama e-Postbank.
Abaxhamli kuMzantsi Afrika uphela ngoku banikwe ikhefu, emva kokwandiswa kwexesha lokufuduka kwamakhadi abaxhamli bakwaSASSA.
Izigidi zabaxhamli ziye kude kube ngumhla wama-20 kuMatshi ukuba zitshintshele kwinkqubo entsha.
Umhla wokugqibela wawusekupheleni kukaFebruwari.
Kwezinye iimeko, abahlali bebefole kangangeentsuku betshintshela kwikhadi elitsha.
“Abantu abadala kufuneka baboleke imali yokuza apha ngoku kufuneka baphindele kuba abakhange bancedwe tu, ingcebiso yam kukuba kutheni bengayizisi eluntwini kumaziko oluntu apho banokuthi bancedwe kwiindawo zabo.
“Ndilapha ukusukela ngentsimbi yesithathu ekuseni. Ibindiphathele intombi yam saphuma ngo 2;50am yahamba yaya emsebenzini. Ndingunombolo 25, sisahleli apha. ”
Ngeli xesha, uSihlalo wePublic Interest SA, u-Tebogo Khaas uthi ngaphandle kokuba i-SASSA ijongana norhwaphilizo kwiinkqubo zayo soze ikwazi ukujongana nemiba ejongene nabaxhamli besibonelelo sikarhulumente.
UKhaas uthi le nto yokuba amakhadi etshintshwa okwesithathu ibonisa ukuba eyona ngxaki ingaphaya kwamakhadi ngokwawo.
“Kwakhona, into abangayixeleliyo kuthi yintoni eyohluke kangaka ngala makhadi matsha nto leyo eza kubenza baphazamiseke okanye babe nobungqina bexesha elizayo ukuze baqinisekise ukuba abanakukhutshelwa, bagqwethwe kwaye abanakoyiswa bubuchwephesha njengoko buguquka. Kwaye ikubonisa nje ngenene, ukuvuma kwayo ukuba bayasilela ukujongana nengcambu yengxaki. Ingcambu yengxaki lurhwaphilizo olukwinkqubo evumela abantu ngabanye kuba akukhathaliseki nokuba ikhadi linetshiphu okanye ibhakhowudi. Ukuba awujongani nabantu abangaphakathi kula maziko angaphakathi kwa-SASSA, kwiMicimbi yezeKhaya nakwenye indawo kuyo yonke i-ecosystem, uya kube undwendwela imiba enye, ujongana nemeko enye kwakhona.”