Iimviwo zebanga leshumi ziye zanqunyanyiswa ngenxa yeemvula ezinamandla eKariega
Isebe lezemfundo eMpuma Koloni likungqinile ukunqunyanyiswa kokubhalwa kwephepha leComputer Applications Technology kubafundi bebanga leshumi kwingingqi yaseKariega kuMasipala oMbaxa iNelson Mandela Bay.
Isithethi seli sebe uMalibongwe Mtima uthe oku kungenxa yokucinywa kombane ngenxa yezandyondyo zemvula emva kwezandyondyo zemvula ezihlasele le ndawo.
UMtima uthe bathumele amagosa ukuba ajongane nalo mba.
“Yonke indawo igutyungelwe zizikhukula, ngenxa yoko iKariega yonke iye yamnyama. Asinawo umbane. Abafana bethu bakwindawo ezichaphazelekiyo, umlawuli wesithili kuquka nentloko yesebe ukubonelela ngesisombululo kule ngxaki sijongene nayo ngoku.”
Eminye imimandla emininzi kumasipala ombaxa nayo ayinambane kuquka iMotherwell, iGeneral Tyre, iFord, iStruandale, iTrident Steel, iNew Brighton, iSeysi kunye nemimandla eyingqongileyo.
Isithethi sikamasipala, uSithembiso Soyaya uthe amaqela abawathumileyo athatha ixesha elide ukufikelela kwiindawo ezichaphazelekileyo ngenxa yemozulu embi.
Bamalunga namakhulu amane abafundi bebanga leshumi baseGqeberha eMpuma Koloni abangakwaziyo ukubhala iimviwo zabo kusuku lwesibini ngenxa yemozulu embi kule ngingqi.
UMphathiswa weMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube uthe ngenxa yezaqhwithi kwiindawo ezithile eGqeberha, kwathathwa isigqibo sokuba kumiswe ukubhalwa kweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngabafundi abachaphazelekayo.
“Sidla ngokuba ne-SANDF elindileyo kwiimeko ezithile, nokuba kusesekuseni kakhulu ukuba abafundi bethu babe kumaziko okubhalela iimviwo kusenokuba kungenxa yoqhankqalazo. Kodwa kuthathwe isigqibo ngeli xesha kuba nokuba bebeza kuthuthwa basiwe ezikolweni kodwa ngenxa yomonakalo wesaqhwithi kwiintambo zombane abazukwazi ukubhala iimviwo zabo ngendlela efanelekileyo namhlanje eGqeberha. Oku kuchaphazela abafundi abamalunga namakhulu amane.” utshilo uGwarube