UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (CoGTA), uZolile Williams, usasaza iingcaphephe eziza kuphucula amandla emali nobuchwephesha kulo masipala ukuze abonelele ngamanzi phantsi kwecandelo le-154 lomgaqo-siseko.
Iindawo ezinkulu zedolophu bezingenamanzi isithuba esingaphezu kweeveki ezimbini ngenxa yokusilela kweziseko ezingundoqo kunye namanyathelo omsebenzi anxulumene neentlawulo zexesha elongezelelweyo. Isithethi sikaMphathiswa, uPheello Oliphant, uthi abasebenzi benkxaso bazakuqala ngoMvulo.
“Isisombululo esikhawulezileyo kukuyekiswa kwabasebenzi bakamasipala abakhuthaza abanye ukuba baqhankqalaze kuqeshwe ingcaphephe kwezobunjineli nokucela iYunivesithi iRhodes ukuba incedise kumsebenzi wogutyulo nokulungisa. Okokugqibela, uMphathiswa uza kutyelela eMakhanda ukuze adibane nabantu abachaphazelekayo ukuze alungise ingxaki zamanzi aze afumane ezinye izisombululo kule ngxaki.”
Kusenjalo, umbutho weDemocratic Alliance (DA) eMpuma Koloni uyalwamkela ungenelelo lwesebe leCoGTA ukusombulula iingxaki zamanzi eMakhanda.
I-DA ibambene noWilliams ngemiba eliqela yoorhulumente basemakhaya, equka iingxaki zamanzi eMakhanda.
Ilungu lePalamente yeDA, uGqr. Vicky Knoetze, uthi ukuseka nokugcina amaqonga othethathethwano kubalulekile ukusombulula imiba yexesha elifutshane kunye nokuphuhlisa amaqhinga exesha elide.
“I-DA inethemba lokuba inkxaso yezobuchwephesha ngokwemigaqo yecandelo 154 ukuya eMakhanda izakuba nefuthe elibonakalayo kwingxaki yamanzi ekhoyo kwaye okwesibini kukuba ukuzinikela kwiqonga lentsebenziswano lokuthethathethana ngeqhinga lokuguqula imeko kamasipala waseMakhanda ukuya kwixesha elizayo kuya kuthwala iziqhamo kwixesha eliphakathi nelide.”