Ixhwele elingusaziwayo uGogo Maweni, ogama lakhe lokwenyani nguMakgotso Mofokeng, unikwe ibheyile yeR5,000 nguMantyi uRozelle Khiye ngoMvulo umhla weshumi elinesixhenxe kle yoMqungu.
UMaweni ochithe ixesha elingaphezulu kweveki entolongweni ngezityholo, ezibandakanya ukubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba (GBH) kwisehlo esenzeke ngo-2019, uxhume ngenxa yovuyo emva kwesigwebo.
Nangona uMbuso ubungakhange uyichase ibheyile igqwetha lakhe lezomthetho, uAdvocate Riaan Gissing uye walwa nzima ukweyisela inkundla ukuba umxhasi wakhe akangomoni ophinda-phindayo kwaye akazukubuphepha ubulungisa xa enikwe ibheyile.
Nangona kungakhange kufunyanwe mngcipheko eluntwini, urhulumente umtyhole ngokunika iinkcukacha zobuxoki ngethuba efaka isicelo sebheyile – ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinanye kweyoMdumba.
“Inkundla ivile ukuba umtyholwa ukhe wagwetyelwa ngaphambili kwaye wabuzwa izihlandlo ezininzi kodwa wathi akanazo izigwebo zakhe ngaphambili. Ngaphaya koko, inkundla iyaqonda ukuba wayetyholwa kwaye wagwetywa ngezityholo zobusela nobuqhetseba. Oku kum kubonisa ukuba kukho umba wokunganyaniseki kwicala lomtyholwa,” utshilo uMantyi uKhiye.
Eli xhwele elineminyaka engamashumi amathathu anethoba libanjwe kwiveki ephelileyo ngeCawe ngentsimbi yesithathu emva kokuba lizinikele emapoliseni.
UAdvocate Gissing, ethethela umxhasi wakhe wabonisa ukuba uMofokeng, umama wabantwana abane, ngumama okhulelweyo.
“Njengoko bekutshiwo ngaphambili, umthengi wam ngumama wabantwana abane naye okhulelweyo kwaye ulindele ukuzala amawele. Uthatha amayeza kagqirha angekhoyo entolongweni. Ukwangugqirha ozisebenzelayo kwaye uqhuba inkampani yakhe yemveliso eqeshe abantu abane. Ishishini lakhe liya kuba nefuthe elibi kwaye lingavalwa ngenxa yokuqhubeka evalelwe. Ungumntu ojikeleza ilizwekazi rhoqo kwaye enze imisebenzi yesisa kwaye enze imisebenzi yesisa, ”utshilo.