UPeach udutyulwe emin’ ilanga lihlab’ umhlaba eMonti izolo!

“Noko bekungafanelekanga ukuba ubulewe kanje, okwenja, ngeloxesha ebenosapho – umama wakhe nomntwana wakhe – bebesamlindile kowabo,” ubhale wenjenjalo uThandokuhle Siyasanga emva kokuva iindaba zokudutyulwa kuka-Anda “Peach” Mlondleni ngenjikalanga yayizolo emini ilanga lihlabe umhlaba, kufuphi nombindi wedolophu yaseMonti (kuGompo), eBerea.

U-Anda, ophangela kwakule Berea, uye wagagana nengxilimbela lesigaxa-mabhanti esogqume ubuso ngesifonyo esisuke sathulula uthotho lweembumbulu ngakuye. Uye wabe ke unabela uqaqaqa ngoko nangoko uAnda. 

“Gompo!!! Makangaphumli tu umbulali kaPeach! Izolo, ngoMvulo umhla we-13 kule yeKhala emini maqanda udutyuliwe and umkhondo uyaziwa! MaMonti, sizothini ngokubulawa kuka-Anda Mlondleni. Still in disbelief, nje kanjalo!” kutsho uLunga Ngcabashe ngale ntsasa. 

Isithethi samapolisa, uNobuntu Gantana, uthe uphando lusaqhuba kwaye iinkcukacha ezithe vetshe ziza kulandela.

Yanga uMaJali angalala ngoxolo, umenzi wobu bubi akrwitshwe yingalo yomthetho kungentsuku zatywala.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *