Isikhokelo sangoku se-African National Congress KwaZulu-Natal (KZN) asinakumataniswa nombutho walowo wayesakuba ngumongameli uJacob Zuma, uMkhonto weSizwe Party (MK Party),tshilo unobhala-jikelele uwe-ANC uFikile Mbalula.
“Silwa neFerrari phaya ngeConquest, ngoko ke kufuneka singqamanise nomatshini obhabhayo ohamba ngokukhawuleza ngemizuzwana ukodlula okwenzekayo apho,” utshilo.
Nangona engazange avume ukuqinisekisa ukuba kukho ukuchithwa okucetyiweyo kweekomiti ezilawulayo zamaphondo (PECs) zaseKZN naseGauteng, uMbalula umile ngelithi kufuneka kuthathwe izigqibo eziqatha eGauteng naKwaZulu-Natal.
EKZN nguSiboniso Duma ongusihlalo aze uBheki Mtolo abe ngunobhala.
Oku kusemva kokuba omabini la maphondo efumene izibetho ezinzima kunyulo lwesizwe nolwamaphondo ngomhla wamashumi amabini anesithoba kuCanzibe.
IANC eKZN ifumene i17% logama leyo yaseGauteng ifumene i45% yenkxaso yonyulo. Kuzwelonke, i-ANC iye yaphulukana nolonyulo kwaye inkxaso yabo yehla yaya kutsho ku-40%. Oku kuko okukhokelele ekusekweni kweGovernment of National Unity (GNU).