Zilishumi elinanye izigulana ebezilinde ngaphandle kweZiko lezeMpilo loLuntu eEmpilweni eGompo eMonti zonzakele ngethuba zigilwa yimoto ebiqhutywa ngunongikazi.
Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi, esi sehlo senzeke ngentsimbi yesixhenxe kusasa ngoLwesibini ngelixa aba baguli besalindele ukuhoywa.
Othethe egameni leSibhedlele uMkhululi Ndamase, uthe bathathu abantu abonzakele ngokumasikizi, apho kubo batshintshelwe kwisibhedlele saseFrere kunyango oluphezulu, ngelixa esinye isigulana sisanyangwa kweli ziko.
“Abanye baye banyangwa bakhululwa. Sinqwenelela zonke izigulana ezonzakeleyo ukuba zichache ngokukhawuleza,” utshilo.
Isithethi samapolisa, uKapteni Hazel Mqala, uthi kutyholwa ukuba owasetyhini oneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu ubudala obeqhuba isithuthi sakwaHyundai besondela kwiziko lezempilo ngethuba kujika enye imoto phambi kwakhe, nto leyo ebangele le ngozi.
Uthe ityala lokuqhuba ngokungakhathali livuliwe ukuze liphandwe.