Makhanda-Umongameli weJaji uSelby Mbenenge wenkundla ephakamileyo yaseMpuma Koloni eMakhanda, ujongene nezityholo zokunukubeza ngokwesondo ngokuthumela imifanekiso engcolileyo kunobhala wakhe u-Andiswa Mengo. Iingxelo zithi, esisiganeko senzeke kwikhasi lonxibelelwano uWhattsap kusukela ngonyaka ka 2021.
UMengo unike ubungqina phambi kweJudicial Conduct Tribunal ngoLwesithathu waleveki eRosebank eRhawutini. “Ndafumana uthotho lwemiyalezo evela kujaji Mbenenge nalapho eminye yayo ibinomfanekiso welungu lakhe langasese nombhalo uthi ‘BJ’ nendikholelwayo ukuba uthetha ukuthi ‘Blow Job’,” utshilo uMengo. Uqhube wathi, “lo mfanekiso ubumveza eme phezi kwethobi langasese kwaye iinwele bezihambelana nezentloko yakhe.”
Umongameli oyiJaji uBernad Ngoepe nochophele elityala uthe into enganakwenzeka kukuvezwa kwamalungu angasese ekutyholwa ukuba ngaka Mbenenge xa kuchotshelwe elityala de libe liyaququnjelwa. Ukanti iNkokheli yobungqina ibuzile ukuba uMengo wayebubona na ubuso buka Mbenenge kulemifanekiso naphendule wathi akazange abubone.
Iingxelo zithi uMengo uthi akahambiselani nesenzo sika Mbenenge kwaphela simohlisela isithunzi kwaye unoloyiko lokuphulukana nomsebenzi wakhe kuba uMbenenge ngumntu omkhulu onegunya.
Ukanti uMbenenge uziphike woma ezizityholo. Uphando ngalo mba lusaqhuba.