U-Mawethu Kondile nongumhlali kwilali yaseQhaga ubengomnye wamafana atyunjiweyo kwiNkqubo ebizwa ngokuba yi”Farmer to Farmer ” ephantsi kwesebe lophuhliso lwamaphandle kwakunye nohlaziyo lwezolimo. Ngomhla wesihlanu kwinyanga yoKwindla amafama akwilali yase Ngxwalane edibene namagosa akwicala loboya phantsi kwesebe lophuhliso lwamaphandle kunye nohlaziyo lwezolimo adibene eQhaga ukuqhuba lenkqubo yokundwendwelwa kwamafama. U-Mfowethu Ndarha ongumfama nokwangowesebe lophuhliso lwamaphandle kunye nohlaziyo lwezolimo, ucacise ngalenkqubo ingu “Farmer to Farmer ” esithi lenkqubo incedisana namafama ukwabelana ngolwazi oluphuma kumfama lusiya komnye umfama, eqhuba uthe “Siqeshiwe singamagosa khona ukuze sikwazi ukubacebisa sibakhulise baphuhle ngakumbi kulento bayenzayo. Utata uKondile ungomnye wamafama akhasayo noko osele-ethe ukuphuhla kunamanye, yiyolonto ke sikhethe yena khona ukuze azokukhuthaza amafana nokuqhubekeka kwaye ancede nawanye amafama azokuphuhla njengaye”.
Ngethuba ebambe udliwano ndlebe nonondaba uMawethu Kondile, uyikhankanyile eyokuba ukhulele wazalelwa kwikhaya elifuyayo ukuquka iinkomo neegusha nanjengoko ingakhange ibe yinto entsha kuye ukufuya. Eqhuba ucacise esithi “ukuphangela kwam ndiye ndabangumntu ofuya iinkomo kodwa ndizoqala ufuya iigusha ngonyaka ka2017 ndiqala ngeegusha ezingamashumi amabini ananye, utatomkhulu ube ngumntu ondikhuthazayo njengokuba ibingumntu endihlala naye sisolusa, kodwa ke bona ekhayeni bafuye kwimeko eyahlukileyo kunalena sikuyo ngok, mna ndifuyela ukushishina ngoboya kwaye ndiqhuba kakuhle kakhulu ndiyazingca ngalonto”.
Malunga nokulawula amatakane eegusha oka Kondile uyicacisile kumafama esithi umgquba yeyonanto efanele ukuba iyaqwalaselwa nanjengoko amatakane efana nomntwana osemncinci ngokusa nantonina emlonyeni. Ukwachaze nendlela ongaqaphela ngayo amatakane ukuba ayawutya lomgquba esithi “uzoqaphela okokuba amatakane ayahambisa ngokuba atye into ekungafanelanga ayayitya, kwaye xana ehambisa sube kusuka lanwebu yethumbu ingaphakathi, ukuba awunakulikhawulezela itakane lakho ungalincama”. Wongezile ecebisa ngelona xesha lilungele ukufaka iigusha ediphini esithi elona xesha lilungeleyo kuxa iigusha zinoboya obuncinci, emveni kokuba iigusha zichetyiwe ucebisile ngelithi makulindwe into engaka ngenyanga khona ukuze zifakwe ediphini, oku kunceda ekubulaleni izifunxi-gazi zangaphandle. “Rhoqo ngekota iigusha mazifumane unyango, zimbini kuphela iintshaba zegusha, yintshulube ngaphakathi kunye nentwala, igusha engenazo ezizinto zombini nguNumber one” ugxininisile. Ubanike iingcebiso ngexesha lokugonya igusha emithiyo nanjengoko igusha engagonywayo inamathuba amancinci okuphila kwetakane unaphakade, ucebise ukuba igusha ekhulelweyo iqatshelwe ngokusuka koboya obungqonge ibele xasele kushiyeke iinyanga ezimbini nanjengoko ibalixesha elilungele ukugonya kwalo elo.

UMama uMadikane ongumfama weegusha phantsi kweshedi yaseNgxwalane wenze amazwi ombulelo kutata Kondile esithi “endaweni yamafama eshedi yase Ngxwalane mandithi siyabulela ngolulwazi lungaka silufumeneyo namhlanje, siyathembisa ukuba sizoyilandela sizokunika iingxelo xa siyenzile sibone ukuba sesihambe kangakanani, sithi ukusuka kwethu kwakho simenzile uA,B no C”.
Lo ka Kondile uthe angamcebisa umntu onomdla wokuba ngumfama athi ingaba sesona sigqibo silungileyo eso, ngokuba utyalo mali olujolise kwimfuyo lelona tyalo mali lungcono. Indlela aziva ngayo kubangomnye wamafama anika ulwazi kumafama akhasayo esithi uziva onwabile ubelana ngolwazi malunga nokufama nanjengoko iyinto ayithandayo eyiqukumbela uthe “xa ungumfama kufuneka ubenephulo lokufuna ulwazi , xa ungumfama unolwazi ufama ngcono”.