IIQALILE NKQUBO YOPHUHLISO LOLUTSHA KWABA BABESAKUBA NGAMABANJWA

Inkqubo phakathi komasipala kunye ne arhente yophuhliso lolutsha (NYDA) kuzwelonke ngeenzame zokubuyisela isidima kwabo babesakuba ngamabanjwa kumasipala ombaxa wase Buffalo City Metro, le nkqubo ikwakhawulelana nokulwa intswela-ngqesho. Igosa lenkqubo yoqeqesho kwezokhuseleko liqale ngomhla wesine kweyoKwindla, ngokuqhutywa kwenkqubo yokulungela umsebenzi kwabo babesakuba bebanjiwe abalinani elingama khulu (100), inkqubo le izakuthi ithathe iiveki ezimbini.

Emva koqeqesho, umntu ngamnye kubathathi-nkxaxheba kulindeleke ukuba afumane isibonelelo somvuzo kunye nesatifikethi se PRISA aze abe ligosa elifanelekileyo lokhuseleko (security officer). Umanejala obambelelyo kwicandelo lolutsha apha eBCM uSalizwa Kotobe uthe “injongo yale nkqubo kukufaka imiba yolutsha eluntwini nokuququzelela uphuhliso lolutsha kwidolophu iphela”.

Uqhube esithi “isixeko sithathe eli nyathelo kuba baninzi aboni abafumana ubunzima bokubuyela eluntwini kwaye abaqeshi abaninzi bayala ukuqesha umntu okwicala elingalunganga lomthetho. Uqeqesho lunike ithuba elinika umdla kubantu abatsha nenkxaxheba ebonakalayo kwindawo ye Metro”.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *