UMETRO ULUMKISA ABANINI BE-SPAZA UKUTHOBELA OKANYE BAJONGE IINGXELO NGOKUTHOBELA

Umasipala ombaxa waseBuffalo City uyazomeleza iinzame zakhe zokucinezela abasebenzi beevenkile ezingayithobeliyo imithetho kamasipala kwaye baphinde bavule iivenkile ezivaliweyo emva kokuba befumene izohlwayo. I-Metro iqalise ukusebenza ngomhla wesibhozo kweyoMdumba ugqogqa izipaza kabini ngeveki ngokusebenzisana namahlakani amaninzi ukuqinisekisa ukuba iindawo zokutya ziyayithobela imimiselo yezempilo nokhuseleko. Lo msebenzi uyaqhubeka veki nganye kwiindawo ezingachazwanga kuyo yonke iMetro.

Iindawo ezigqogqayo ziquka iDuncan Village, eQonce, Mdantsane, Nompumelelo naseMzamomhle. Imiba echongiweyo ikakhulu ibandakanya iivenkile ezingenaluhambo lwexeshana/ iimvume ezikhethekileyo ukuba zisebenze njengamashishini, akukho satifikethi sokwamkeleka, akukho zilayisensi zeshishini, ukuthobela uMlilo, ukutya okuphelelwe lixesha, ukungathotyelwa kwerhafu nokungabi namaxwebhu achanekileyo okufuduka.

Umasipala ombaxa ngoku ujonge ekuqiniseni amanyathelo abhekiselele kusomashishini abangawuthobeliyo umthetho kunye nemiyalelo yokwalela ekhutshwa ngexesha lemisebenzi yeenkampani ezininzi. Ezi zezona zinto zikhutshelwa ukuchaswa kweCandelo 3. (1)(a) lesaziso sikaRhulumente esingunombolo R638 somhla wamashumi amabini enesibini kweyeSilimela 2018, esenziwe phantsi komthetho weFood, Cosmetic and Disinfectants, nawo uhlonyelwe.

Kwiimeko ezininzi, iProhibition Orders ayihoywa ngoonovenkile abathe baphinda bavula iivenkile zabo ngoko nangoko emva kokuvalwa ngamagosa kwaye oko kuye kwakhokelela kwelinye inyathelo, eliCandelo 4 (3)(b), lifundwe kunye neCandelo leshumini elinesihlanu elifanayo, ummiselo okunye okubhekiselela kwiCandelo leshumi elinesbhozo. Owokuqala uMthetho wokuTya, izithambiso kunye nezithinteli zokubulala iintsholongwane, ka-1972 (uMthetho ongunombolo 54 ka-1972).

Ukuza kuthi ga ngoku, amadokethi amane avulwe ngoLwesihlanu odlulileyo kwisikhululo samapolisa eNyibiba nto leyo eyakhokelela ekubeni kubanjwe oosovenkile. Abarhanelwa bebevele kwinkundla yaseMdantsane B.

Isigwebo esinokuba khona / isivakalisi:

ICandelo leshumi elinesibhoze, (1) loMthetho we-FCD lenza eli lungiselelo lilandelayo: Nawuphi na umntu obanjelwe ityala phantsi kwalo Mthetho (kubandakanywa neli tyala) uya kuthi, ngokuxhomekeke kwimimiselo yecandelwana lesibini, abe noxanduva.

Xa egwetyiwe okokuqala, uya kuhlawuliswa imali engadlulanga kumakhulu amane eerandi (R400) okanye avalelwe entolongweni ixesha elingadlulanga kwiinyanga ezintandathu okanye kokubini, eso sigwebo kunye nokuvalelwa entolongweni;

Xa efunyenwe enetyala lesibini, uya kuhlawuliswa imali engadlulanga kumakhulu asibhozo eerandi (R800) okanye avalelwe entolongweni ixesha elingadlulanga kwiinyanga ezilishumi elinesibini okanye kuzo zombini ezi zohlwayo kunye nokuvalelwa entolongweni;

Kwisigwebo sesithathu okanye esilandelayo, isohlwayo esingadlulanga kumawaka amabini eerandi (R2000) okanye ukuvalelwa entolongweni ixesha elingadlulanga kwiinyanga ezingamashumi amabini anesine okanye kuzo zombini ezi zohlwayo kunye nokuvalelwa entolongweni.

Iinjongo zemisebenzi:

Olu qhankqalazo luqhutywa ziinkonzo zempilo zikaMasipala weMetro kunye namaSebe ohlukeneyo eBCM kunye neeNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika, iSARS, iSebe lezeNgqesho nezaBasebenzi, iSebe lezeKhaya, ligxile kwiindawo zokutya eziquka iivenkile zespaza, itshisanyama njalo njalo. Umasipala ombaxa ngeemfuno ezifanelekileyo ekufuneka zithotyelwe kunye nokuphucula ukuthotyelwa kwendawo yokutya.

Injongo yale misebenzi idibeneyo kukuququzelela ukuthotyelwa kunye nokunyanzeliswa kwemithetho, imithetho kamasipala kunye nemigaqo-nkqubo eyahlukeneyo kushishino kunye nezicwangciso zoluntu ngendlela edityanisiweyo ngawo onke amasebe/abachaphazelekayo. IMetro ichonga indawo, eya kuqhuba imisebenzi kwaye ijonge ukuthotyelwa kwezempilo nokhuseleko, imigangatho yokusingqongileyo kunye nococeko, iimeko zelayisensi, irhafu kunye nobume bokufuduka.

Abahalali bahlomle ngelithi kumkhasi onxibelelwano, umthetho ngumthetho imenza abe nexhala kakuhlu ukuboba umntu osisisdebge ekhwaza ngelizwi eliphezulu ekhuthaza ukuchasa mthetho kwaye ejongela phantsi umgaqo sisekop welizwe ade afikelele ekumemeni abantu basemzini ukuba beze kweli lizwe ngaphandle kwamaphepha afenelekileyo ukuze bafumane amanqaku atshiphi ezopolitiko, “ qhubekani nomsebenzi omhle, Ikamva lolutsha lwethu libawa bengazi”.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *