Iqela lombutho wezopolitoko kakhongolose eZwelitsha iSebe lase Khaya Mabece phantsi kwewadi 41, lijongene nokuvuselela igama lika Stanely Bob Kaba owengomnye wabantu abadlala indima enkulu kwinkululeko yabantu abamnyama ze wavalelwa eRobben island kwakunye netshantliziyo elalichasene nocalucalulo uNelson Mandela.
UBob Kaba uqale ukujoyina umbutho ngethuba engumfundi kwiDyunivesity iRhodes ekumhlaba waseRhini ngonyaka ka 1955 esenza izifundo zakhe zobuntatheli. Lo ka Kaba ebengumhlali
wase Zwelitsha ekwalitshantliziyo lezopolitiko elisebenzele umbutho kakhongolose, kananjalo indima ayidlalileyo ayizange yaqatshwelwa,yiyolonto eliqela lithe malithathe elithuba liphakamise igamalakhe khona ukuze naye afane namanye amaqhawe omzabalazo alwele inkululeko yabantu abamnyama ekuthiywe ngamagama abo amaziko oluntu kwakunye nezitalato.
Emveni kokuba ebanjwe okokuqala iminyaka emithathu, naphantsi komyalelo ongqongqo wayewunikiwe wokuba angafuduki ngaphezu kwe-100km ukusuka kwindawo ahlala kuyo, impazamo yakhe kukuya kwisifihlo selungu losapho ,wabanjwa kwakhona waze wathunyelwa kwintilongo iVictor Verster ePaarl waphinda watshintshelwa eRobben island
apho wachitha eminye eminyaka emithathu.
Ngethuba unondaba ebambe udliwanondlebe noNomfuneko Kaba nonguNkosikazi ka Bob Kaba oneminyaka engamashumi asixhenxe anesixhenxe ubudala, ngenxa yokuhamba kweminyaka zibekhona izinto angakhange akwazi uzikhumbula ncakasane. Ukhankanye indlela bebephila ngayo ngelaxesha lorhumente wengcinezelo esithi “ebefika amabhulu egcwalise indlu kugqogqwa yonke indawo naphantsi kweebhedi ukuquka neencwadi zakhe, eyonanto ingundoqo bebeyifuna ziimpendulo zokuba intlangiso zabo bazibambela phi” uqhubile esithi abantu bokuhlala babengafuni abantwana babo beze kulendlu nanjengoko babebona iyindlu ekwakuhlelinje kufika iimoto zamabhulu
aphethe imipu kwaye kwakusithiwa yindlu erongo. “Amabhulu ayefuna iimpendulo kuBob, kodwa ebengabaniki zimpendulo de wagrogriswa kusithwa ukuba akaphenduli izokufakwa elwandle”.
uAbongile Mqalo ongumhlali waseZwelitsha nokwayi nkokheli ekhokheleyo engu sekela sihlalo weSebe kumbutho ophetheyo uthi emveni kokuba eve isikhalazo kuMama uNomfuneko sokuthuleka nokungaboni amalungu amaziyo utata uKaba ombutho, kwaye nohlobo ekufanelwe uhoywa ngalo nanjengoko umyeni wakhe ibingumntu osebenzele lombutho. Wongezile echaza ngeminqweno yabo esithi “nathi siyafuna ukuba sive mhlawumbi ukuba ikhona ilibrary okanye londawo ithile enothiywa ngegama lika tata uBob Kaba yaseZwelitsha, nalapha ezone 6 kwesisitalato ebehlala kuso sibizwe ngegama lika Bob Kaba ,singathanda nokumbona kooVimba (Archives)
kwiiMiyuziyamu (museum) nakwi Ofisi zombutho icalata. Eyonanto ingumdla kuthi kungase umama uKaba naye onwabe ave kamandi xa ebona igama lomnyeni wakhe livakala kwindawo ngendawo kwaye ahlonitshwe afane njengamanye amakhaya aphulukana namaqhawe omzabalazo”.
UNomfuneko uthi uhlukumezeke kakhulu emphefumlweni ngexesha yorhumente wengcinezelo nanjengoko amabhulu afika ezokugqogqa kwakhe ze afika enganxibanga, kwaye awazange amnike nethuba lokuba athathe iimpahla zakhe anxibe kodwa ukhutshelwe ngaphandle nanjengoko lonto ibulala isidima somntu obhinqileyo.
Ngokwengxelo, loka Bob uvukelwe zizivubeko, umqolo ebhontebhonte kucaca ukuba ebebethwa, uphume engena esibhedlele. UNokuzola Fatuse nongumelwane wakhe ebesoloko esecaleni kuka tata uKaba kunye nonkosikazi wakhe kwaye nosapho luka Kaba de wasweleka ngomhla 12 kwinyanga yeKhala. Iingxelo zithi
amazwi ka Kaba wokugqibela ayesithi ” Bandigrogrisile bandohlwaya ngaphakathi nangaphandle kwe Robben Island, bandibonisa nemali khona ukuze ndithethe ndithengise ngomntwana ontsundu, kodwa ndema ngokuqinileyo ndomelela. Ndazithembisa ukuba asoze ndithengise ngomntwana ontsundu nokuba ndingafa ndilihlwempu kodwa ndityebile ngenkumbulo nangona umntana ontsundu esazi uKaba ushiye uphawu lokuthembeka”.