Emva kweminyaka yamarhe athi ubhubhile ude wabe uyanikezela umakhwekhwetha wezoshishino kwiilokishi onguMzoli Ngcawuzele. Ebezakugqiba iminyaka engama-72 kweyeDwarha kulo nyaka kodwa impilo ibingekho ntle oko wabethwa siStroke pha koka-2013 waze pha koka-2021 wavala netshisanyama yakhe yodumo ekwakusithiwa kukwaMzoli okanye Mzoli’s Meat, eNY115 eGugulethu.
Yayiyitshisanyama kanokutsho eyayisoloko igcwele oosaziwayo kwaye yena umnikazi edume ngokuba nempatho entle.
Ebengaphelelanga kweli shishini uNgcawuzele; kwangoo-1990 wavula isilarha neevenkilana eGugulethu, ibikwanguye owaqinisekisa ukwakhiwa kodederhu lweevenkile leR350-million elaziwa njengeGugulethu Square. NaseQonce, ngenkampani yakhe iMzoli Properties, wakha udederhu lweevenkile olwaziwa njengeMetlife Mall esele kusithiwa yiThe Mall kule mihla. EMdantsane eMonti wayenefuthe ekwakhiweni kweKuyasa Shopping Centre.
UNgcawuzele wayezimisele ngophuhliso lwezoshishino kwiindawo zabantsundu. Ukugqibela kwethu ukuthetha naye kudala wayenomnqweno wokuvula uPick n Pay eGugulethu ekwafuna nokulungisa iindawo zokudlala zabantwana. Ebekwaxhasa nekhaya labadala (Ekuphumleni old age home) eliseGugulethu.
Ushiya ngasemva unkosikazi wakhe nentombi enye. Oonyana bakhe, uUnathi noMandisi babhubha koka-2007 nakoka-2009. Owokuqala warhaxwa kulwandle iStrandfontein waze owokugqibela, uMandisi, wagaxeleka kwingozi yemoto eKapa.
“Ebengunyana wam wokugqibela. Ithemba lam lokugqibela. Ikamva losapho. Ebeyinto yonke yethu,” kwatsho uNgcawuzele emva kokubhubha kukaMandisi awayesele emenze umnikazi weMzoli’s Meat ngoko.
