Umsasazi oneminyaka engama-52 ubudala nongusomashishini wasweleka ngoMvulo we-12 ka-Agasti ka-2024, kwisibhedlele iParklands eThekwini emva kokuphulukana nomhlaza wemiphunga.
UZanele obebhexesha inkqubo yangeCawe, Eshilo, kuKhozi FM, wafunyaniswa enomhlaza wemiphunga ngoCanzibe. Uqale wasilela ukwenza umboniso wakhe ngo-Epreli, wasokola ukuwugqiba, kwaye wabalekiselwa esibhedlele ekupheleni kuka-Epreli.
Umyeni wakhe, uBhishophu Mpendulo Nkambule, uqinisekise ukubhubha kukaZanele watsho esithi usapho lubulela kakhulu ngemithandazo nenkxaso oluyifumene ngethuba egula.
“Zindaba ezibuhlungu ezi; uphumle ngoku, ndibulela onke amarhamente nabaphulaphuli ngemithandazo nenkxaso yabo, silusapho sixhelekekile, kwaye siyazi ukuba abaphulaphuli nosapho loKhozi FM nabo benzakele. UThixo ukuba asithuthuzele sizakunxibelelana ngamalungiselelo omngcwabo,” utshilo.
Umphathi woKhozi FM uSbongi Ngcobo udlulise amazwi ovelwano kusapho lukaZanele, abasasazi boKhozi FM kunye nabaphulaphuli.
“Ndithanda ukubulela abaphulaphuli boKhozi FM; bebekunye nathi kolu hambo, kwaye ebesemithandazweni yabo, ndicela abantu banike usapho indawo kwaye banoxanduva kumaqonga onxibelelwano malunga nento abayibhalayo ngokubhubha kukaZanele,” utshilo. .
UZanele nokwangumsunguli weCrown Gospel Music Awards, bebebaninzi abantu abaquka abefundisi neemvumi bemthandazela emva kokufunyaniswa ukuba unomhlaza wemiphunga. Kwabakho umthandazo owawuseGoli ngoJuni, omnye ubeseThekwini ngoJuni.