AMAPOLISA ACELA UNCEDO LWABAHLALI UKUZE KUBENOKUSONJULULWA ITYALA

Amapolisa acela uncedo kuluntu ukusombulula amatyala amabini okubulala nelokuzama ukubulala enzeke kwisitalato iHigh Street, eCofimvaba izolo umhla weshumi elinesithathu kule yeThupha.

Oku kulandela emva kokuba abemi abathathu base-Ethiopia abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesibini ukuya kumashumi amathathu anesihlanu ubudala bethe badutyulwa kwindawo yabo yoshishino eCofimvaba. Ngokweengxelo, kutyholwa ukuba amadoda amabini axhobileyo angene kwindawo yoshishino aza adubula angxwelerha la madoda mathathu. Basiwa esibhedlele, kwaye aba babini basweleka ngenxa yokonzakala ekufikeni kwabo ngelixa omnye engeniswe esibhedlele.

Kuvulwe amatyala amabini okubulala nokuzama ukubulala. Iimeko ezingqonge isiganeko ziyinxalenye yophando.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *