Umfundisi waseNigeria uTimothy Omotoso uye wagxothwa eMzantsi Afrika ngosuku lwangeCawe.
Intloko yebandla iJesus Dominion International Church, esanda kukhululwa kwizityholo zokudlwengula nokurhweba ngabantu, ikhwele inqwelo moya isuka ekhayeni layo eThekwini isiya kwisikhululo seenqwelomoya i-OR Tambo eRhawutini, nalapho ithe yakhatshwa kwinqwelo-moya yayo elandelayo ngamagosa esebe lezekhaya kunye namapolisa.
Inkqubo yokuba lo mfundisi oneminyaka engamashumi amathandathu anesithandathu (66) agxothwe elizweni lakhe, iqale emva kokubanjwa kwakhe eMonti kwiveki ephelileyo emva kokuba isebe lezekhaya lisikhabile isicelo sakhe sokuba sirhoxiswe isigqibo sesebe sokumbhengeza njengomntu ongavumelekanga.
Kukholelwa ukuba sele evumile inkqubo yokugxothwa ngokuzithandela.
U-Omotoso kwakunye noogxa bakhe uLusanda Sulani noZukiswa Sitho bafunyenwe bengenatyala kumatyala angamashumi amathathu anesibini aquka ukudlwengula nokurhweba ngabantu kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha ngomhla wesibini kuTshazimpuzi.
Ityala lonakaliswe kukungaphathwa kakuhle kwamangqina kunye nobungqina liGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe (NPA), kwaye ijaji u-Irma Schoeman ugwebe ngelithi nangona enokubakholelwa ngokuzimeleyo abamangali, urhulumente akazange aveze nto ukuphikisa ingxelo ebekwe ngumtyholwa.