UFUNYENWE UJINGA EMTHINI UMZIMBA WENDODA

Amapolisa ephondo laKwa-Zulu Natal angqinile elokuba awufumene ujinga emthini umzimba wendoda ngentsasa yanamhlanje, umhla weshumi elinesibhozo, kle yoMnga.

Oku kuza emva kokuba umfi exhome ushicilelo lwevideo kwikhasi lonxibelelwano u Facebook, epho exelela uluntu ngokubulala kwakhe ibhinqa ebehlekisana nalo, elineminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala. Kolushicilelo lendoda ityhola Lo wasetyhini ngokumohlula nobehlekisana naye emva koko amale, nanjengoko ebelindelele intlawulo yakwa Road Accident Fund.

Lo ungasekhoyo, umzimba wakhe ufunyenwe kude kufuphi apho athe wathatha khona umphefumlo wasetyhini. Kungokunje amapolisa asazama iindlela zokufikelelo kumthi lowo ukuze babenokwazi ukothula umzimba.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *