Ubhambathisile ukuba uzakupeyinta ilizwe bomvu uCOSATU ngoMvulo, umhla wesixhenxe kweyeDwarha, njengoko ulungiselela uSuku lweSizwe lokuSebenza.
Ugwayimbo olucetyiweyo lwelizwe lonke lujolise ekuqaqambiseni intswela-ngqesho egqubayo kunye noqoqosho oludodobalayo.
UCosatu ulungiselela ugwayimbo kwilizwe lonke ngenxa yentswela-ngqesho ephezulu.
Lombutho mkhulu weemanyano zabasebenzi ufuna ukumiswa kokudendwa. Lombutho uthi akwamkelekanga ukuba abaqeshi baqhubeke nokudenda abasebenzi abambalwa abanemisebenzi.
UZanele Sabela uthe, “Bamalunga nezigidi ezithathu abantu abafuna imisebenzi kweli lizwe kwaye oku kuquka abantu abathe bancama kodwa basafuna imisebenzi, sifuna ukumiswa kokudendwa”.