Wonke umntu besele ejonge umxholo wefashoni, kumdyarho wamahashi owaziwa ngokuba yi Berlin November wonyaka ka 2024.
Nanjengoko phambi kokuba kufike usuku nenyanga yalomdyarho wamahashe, kuye kuqale kubhengezwe umxholo. Ubhengeziwe ke waziswa uluntu umxholo wefashoni yalo unyaka ngomhla weshumi elinesihlanu kule yeThupha, kwigala eqaqambileyo, apho bekukho oosomashishini, abanini bamahashe, Abantu abaphambili befashoni kwakunye nabaxhasi.

I “Purple Reign” ngumxholo walonyaka nothe wabhengezwa ngobabusuku be gala. Lomdyarho uzakubangosuku lomhla wamashumi amathathu kweyeNkanga, kulo umiyo, kwidolophu engaphandle nje eMonti eyaziwa ngokuba yi Berlin, kukwalindeleke imboniso yefashoni ekuqobo lodidi kwakunye nomdlalo wamahashi.
“Ngokunxulumene nembali lombala u purple ubunxulumaniswa nobukhulu kwakunye nobukhosi” utshilo uLonwabo Madoda isazi sefashoni ecacisa malunga nalomxholo.

ULuthando Bara ongumseki womnyhadala, ugxininise elokuba umxholo umema abathanda fashoni kunye nabayili bezobugcisa nezinto eziyiliweyo. Ugqibele ngelithi umxholo udlala indima ebalulekileyo ekulungiseleleni bonke abachaphazelekayo abanini beentente, ababoneleli ngenkonzo, abanini bamahashe kunye neejokhi kumsitho wokuphucula impembelelo yezoqoqosho nentengiso.
Ukanti amatikiti ayafumaneka, elowo angavala indawo yakhe kwamsinya angaphoswa.