Izihlobo, izalamane kunye nabo bebexelenga naye inyama, bebedibene ukuyokunika imbeko okokugqibela kumngcwabo walowo wayesakuba ngumphathiswa uPravin Gordhan namhlanje, umhla weshumi elinesithoba kule yoMsintsi.
UPravin Gordhan ukhabe ibhekile ngomhla weshumi elinesithathu kweyoMsintsi kunyaka ka 2024. Ubhubhe eneminyama engamashumi asixhenxe anesihlanu ubudala. U Pravin Gordhan, waba lilungu lendibano yesizwe yoMzantsi Afrika ngonyaka ka 1994 ukuya ku 1999, waxelenga njengomkomishinala weeNkonzo zeRhafu ngonyaka ka 1999 ukuya ku 2009, ngonyaka ka 2009 njalo wama kuMphathiswa wezeMali ukuya kunyaka ka 2014, walilungu lendibaniso yeli ngo2014 ukuya ku 2024, ekubeni enguMphathiswa kwisebe lolawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli ngo 2014 ukuya ku 2015 ze wangmphathiswa wezeMali ngo 2015 ukuya ku 2017.
Ngethuba ebhekwa kwikhaya lokugqibela namhlanje umhla weshumi elinesibhozo, ilungu leqoqo eliphezulu lombutho we ANC u Zweli Mkhize udlulise amazwi ovelwano kusapho lakwa Gordhan nakoogxa bakhe ngelithi “Silahlekelwe lelinye lamatshantliziyo. Indoda ebingacaluli ngobuhlanga nebikholelwa kwinkululeno, eyilweleyo gqiba yayisebenzela. Sifunde nto kwaye sakuhlala sineengcinga ezintle” utshilo oka Mkhize.
Ethetha emngcwabeni u Nobhala jikelele we ANC uFikile Mbalua uthe “Sizokugxwala emswaneni sinike imbeko kwitshantliziyo elinikeze ngobom obuluncedo” oka Mbalula uvakalise abophuke ngayo imiphefumlo kukumka kuka Pravin Gordhan.
“Ubeyazi ukuba ubom babasweleyo bebunoguquka, oomasipala badinga ukusebenza kwaye basebenze kakuhle. Ubekwazi ukuba abaswele ingqesho, bebenokufumana imisebenzi urhwebo lelizwe luqhube kakuhle” utshilo uMongameli weli uCyril Ramaphosa ethetha ngoka Gordhan.