Owayesakuba ngusihlalo we-Economic Freedom Fighters (EFF), uAdvocate Dali Mpofu, udize ukuba wayebandakanyeka ekusekweni koMkhonto weSizwe Party (MK Party).
Kudliwanondlebe olukhethekileyo noMhleli wezoPolitiko weendaba zeSABC, uMzwandile Mbeje, uMpofu uthi isigqibo sokuseka iqela eliphikisayo ngoku silandela inkomfa yamashumi amahlanu anesihlanu ye-African National Congress (ANC) ngo-2022 apho umongameli wombutho, uCyril Ramaphosa, wonyulwa okwesibini.
UMpofu wongeze ngelithi, bekukho uthethathethwano, usihlalo walo, neenkokeli zeminye imibutho yezopolitiko efana ne-UDM, PAC, ATM kunye ne-EFF, phakathi kwamanye.
UMpofu uthe bekukho iingxoxo ezifihlakeleyo phakathi kwakhe nowayesakuba ngumongameli uJacob Zuma.