Ukudubulana phakathi kwamapolisa neqela lemigulukudu ekurhanelwa ukuba ngabaphangi kushiye ababini bebhubhile kunye nomnye enzakele, ngelixa abanye beshiyeke bengcangcazela emva kokubaleka ngesantya esiphezulu eDutywa ngoLwesithathu, umhla wesixhenxe kle kaCanzibe.
Amapolisa afumene ulwazi malunga neveni ekrokrelekayo ekutyholwa ukuba isetyenziswe xa kuphangwa okwenzeke eKeiskammahoek ngentseni yangoLwesithathu.
“Amalungu aphantsi kwamacandelo awodwa asebenze ngokukhawuleza, ze kuN2 kumbindi weDutywa, amalungu abone isithuthi aza azama ukusimisa,” utshilo isithethi samapolisa uLieutenant-Colonel Siphokazi Mawisa.
“Kwabakho ukudubulana phakathi kwabarhanelwa namapolisa, nto leyo eyakhokelela ekubeni abarhanelwa ababini badutyulwe babhubha.
“Ebudeni bokugqogqa, amapolisa afumene iveni yohlobo lweToyota kunye nompu.
“Ngophando oluthe kratya, amapolisa aqokelele iinkcukacha ezithe zabakhokelela kwingingqi yaseNcandu ngaseDutywa, nalapho afumene umrhanelwa omnye enenxeba lokudutyulwa emlenzeni.”
Enye iveni ifunyenwe kufutshane.
Umpu uya kuthunyelwa kuvavanyo lwebhola.
“Umrhanelwa owenzakeleyo uye wabanjwa wasiwa esibhedlele phantsi kweliso lamapolisa,” utshilo uMawisa.
“Amapolisa asakhangela abanye abarhanelwa abaqhweshile.”
Onolwazi malunga nokuba baphi abarhanelwa abashiyekileyo uyabongozwa ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele iCrime Stop ku-08600-10111.