Lwanqunyanyiswa uqhankqalazo lwabaqhubi beenqwelo moya zeSA Airways (SAA) kwiintsuku ezimbini emva kokuba luqalile.
Olu qhankqalazo lubangele ukuphazamiseka kwabakhenkethi lwaze lwagrogrisa neemali zenkampani yeenqwelomoya eziphantsi kolawulo lukarhulumente phambi kokuba kufike ixesha leholide.
U-SAA uthe ngoMgqibelo uqhankqalazo lunqunyanyiswe ngentseni emva kothethathethwano olube yimpumelelo phakathi kwenkampani yeenqwelomoya kunye nombutho wabaqhubi beenqwelomoya iSAA Pilots Association (SAAPA).
I-SAAPA ibikade ifuna ukunyuka nge-15.7%. I-SAA ibonelele nge-8.46% yokonyuka, ehlehlisiwe ku-Epreli, nto leyo eyakhatywayo. Abaqhubi beenqwelomoya baqhankqalaze ngoLwesine, bechwetheza ngaphandle kwe-ofisi yenkampani yeenqwelomoya eKempton Park kwisikhululo seenqwelomoya i-OR Tambo International. Kubekho ukuphazamiseka kuzo zonke iindlela zasekhaya, zengingqi nezamazwe ngamazwe.
I-SAA ithe ngoMgqibelo umhla wesixhenxw kule yoMnga, abaphathi babonelele abaqhubi beenqwelo-moya i-1% eyongezelelweyo phezu konikezelo lwabo lwangaphambili.
“Njengenxalenye yesivumelwano esophule umqobo kwiingxoxo zemivuzo, uthethathethwano ngenkqubo eqhubekayo yokuphucula amashishini luza kuqhubeka kwezi veki zisibhozo zizayo,” utshilo u-CEO wethutyana we-SAA uJohn Lamola kwingxelo.
“Sizibophelele ekuphumezeni iimvumelwano zobomi bomsebenzi ekufuneka ziphucule imveliso yabaqhubi bethu abadumileyo kwihlabathi”.
Inqwelo moya kulindeleke ukuba ibuyele kwishedyuli epheleleyo yenqwelomoya ngeCawa, nabaqhubi beenqwelomoya abangaphezu kwe-100 ekulindeleke ukuba babuyele emsebenzini emva kwemini ngoMgqibelo.