Ukuvalwa kotywala kumasango esikolo kuya kunyanzeliswa ngokungqongqo — uMphathiswa wePhondo
Nasiphi na isikolo saseMpuma Koloni esivumela ukuba kuthengiswe utywala kwindawo leyo, nkqu nakwimisitho yabucala, siya kujongana neziphumo ezibi.
Oku kuthethwe nguMphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade.
Uthe izikolo ezinamaphepha-mvume okuthengisa utywala ngokusisigxina bayalelwe ukuba zingabuvuseleli okanye zifune ukucinywa ngoko nangoko.
UGade ebethetha kwindlu yowiso mthetho eBhisho ngoLwesibini xa esenza intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali luka2025/2026 nomgaqo-nkqubo.
Isebe labelwe i-R44.6bn kunyaka-mali ka-2025/2026.
“Isebe lithathe isigqibo esinzulu sokuchonga zonke izikolo njengeendawo ezingenabo utywala.”
Oku kuvele nanjengoko umthetho we-Eastern Cape Liquor Act 10 ka-2003, kunye nemigaqo emitsha eqalwe ngomhla woku-1 kweyoKwindla ka-2025, uye wandisa umgama ofunekayo kwiindawo ezinempepha-mvume zokuthengisa utywala ukusuka kwi-100m ukuya ku-500m.
Ukuvalwa ngokupheleleyo kotywala kumasango esikolo, nakwimisitho yabucala nasemva kweeyure zomsebenzi, kubangele uqhushululu olukhulu, apho uninzi lwezikolo luvakalisa ukungoneliseki kwazo.
Iinqununu zibalule imfuneko yonyuso-mali lwabucala ukuhlawula intsilelo kwinkxaso-mali yesebe yokulungiswa rhoqo, ukuphuculwa kwezibonelelo nezixhobo ezifuneka kakhulu.
Nangona iidrafti zokuqala zoMthetho osaYilwayo woLungiso lweMithetho yeMfundo esiSiseko (Bela) ngoko zazibandakanya amacandelo awayephakamisa ukuthengiswa kotywala phantsi kweemeko ezibekwe esweni nezilawulwa ngokungqongqo ezikolweni, igatya liye lasuswa.
Isebe lezemfundo eMpuma Koloni limi nkqi kwisigqibo salo sokuvalwa kotywala kumasango esikolo, kungakhathaliseki nokuba lo msitho wentlalontle okanye wonyuso lwengxowa-mali uthini na.