I-Automobile Association ithi le meko yokwehla kwepetroli kwiinyanga ezintlanu iza kuphela kwinyanga ezayo ngenxa yokunyuka kwamaxabiso emveliso kumazwe ngamazwe kunye nokuthamba okuthe gqolo kweRandi xa ithelekiswa nedola yaseMelika.
I-AA ithi kwingxelo ye-95 Octane petroli kulindeleke ukuba inyuke malunga ne-14 leesenti ilitha kwaye i-93 inyuke ngeesenti ezintathu.
Kulindeleke ukuba idizili inyuke malunga neesenti ezilishumi elinesine ze iparafini elayitayo inyuke malunga neesenti ezisixhenxe ilitha.
I-AA ithi oku kunyuka okulindelweyo kuya kufika ngexesha apho uninzi lwabathengi kunye nabaqhubi beenqwelo-mafutha basasokola ngokwasemalini.