KUSAKHANGELWA ABARHANELWA ADABULE ABULALA IPOLISA E-BIZANA

Abile amaxhaphetshu amapolisa kugqogqo olukhangela abarhanelwa abadubule babulala ipolisa beshiya amanye amagosa asebupoliseni enzakele ngethuba kuphangwa ishishini ngentseni yanamhlanje ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeKhala kuMbizana Main Road.

Esi siganeko senzeke kwindawo ekugcinwa kuyo iimoto kumbindi waseMbizana xa uConstable oneminyaka engamamashumi amathathu anesihlanu ubudala kunye namanye amagosa asebupoliseni babeqhuba bephuma kwindawo yolwaphulo-mthetho bekhwele iimoto zamapolisa ezintathu ezohlukeneyo. Ngokwengxelo, le ngxelo ithi amapolisa ebephuma kwindawo yolwaphulo-mthetho kwindawo yase-Ezityatyaneni ngaphandle kwaseMbizana ngethuba ehlaselwa ngabarhanelwa ekukholelwa ukuba aukumashumi amabini ubuninzi, ecaleni kwesikhululo sokugcwalisa. Emva koko abarhanelwa badubule kumagosa asebupoliseni ebekwezi nqwelo-mafutha kwaye konzakala kwasweleka uConstable logama amanye amapolisa enzakele. Emva kokudubula aba barhanelwa bathathe imipu yamapolisa bazama ukuqhushumbisa isefu yefilling station kodwa akwabikho mpumelelo babaleka endaweni yexhwayelo.

Amatyala okubulala, ukuzama ukubulala kunye nokuphanga ishishini avuliwe ukuze kuphandwe. Abacuphi abasuka kwiCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili (elaziwa ngokuba ziiHawks) baza kuphanda eli tyala. Isazisi sikaConstable obhubhileyo siya kukhutshwa emva kokuba izalamane zakhe zazisiwe.

Umkomishinala wephondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uqinisekise ukuba nabani na ophazamisa uxolo nobulala amapolisa akhusela uluntu uya kubanjwa kwaye atshutshiswe lo gama ekwagxeka ukuchas’ umthetho nolwaphulo-mthetho. “Ukubulawa kwegosa lamapolisa ngethuba lisebenzela uluntu kujongela phantsi iinzame zombuso zokulwa nokuthintela ubugebenga,” wongeze watsho.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *