KUFUNYENWE UMBUNGU NOSANA OLUSANDOKUZALWA KWISITHUBA SEEYURE EZINGAMASHUMI AMABINI ANESINE ETHEKWINI

Iziganeko ezimbini ezimanyumnyezi nezishiye abantu kwiphondo laKwaZulu-Natal bebambe ongezantsi, zenzeke kwisithuba seeyure ezingamashumi amabini apho kufunyenwe umbungu emgqomeni, nosana olusandokuzalwa ehlathini.

I-ALS Paramedics kunye ne-Amawele Emergency Services ziphendule kwiimeko apho usana olusanda kuzalwa kunye nosana olungekazalwa zombini zafunyanwa zilahliwe. Umbungu(foetus) ufunyenwe emgqomeni, ALS Paramedics iphendule kwifowuni evela kwinkampani yokhuseleko kusasa namhlanje, umhla weshuminelinesibhozo kule yeNkanga, malunga nosana olufunyenwe emgqomeni. Oku kubhaqwe kwi-JB Marks Road eGlenwood emva kwentsimbi yethoba kusasa.

Ngokweenkcukacha ezifunyenweyo, kutyholwa ukuba abantu abemba imigqomo bafumene umntwana ongekazalwa baze baxelele abasemagunyeni ngako oko. UGarrith Jamieson ovela kwi-ALS Paramedics uqaphele ukuba i-SAPS ibizelwe kwindawo yexhwayelo kwaye iza kuphanda ngakumbi, kwaye aboncedo lokuqala baphendule kulo mba. Ngelishwa, kwakungekho nto i-paramedics enokuyenza, kwaye umntwana ongekazalwa wabhengezwa njengofileyo. Oku kubhaqiweyo kwenzeke kwisithuba esingaphantsi kweyure ezingamashumi amabini anesine emva kwesinye isiganeko esimanyumnyezi eChatsworth. Umntwana oyinkwenkwe ofunyenwe ebhubhile ehlathini Kwesinye isiganeko, aboncedo lokuqala baseAmawele Emergency Services baphendule kwisiganeko esenzeka eBulbul Drive, eSilverglen, eChatsworth. Esi sehlo senzeke emva kwemini ngeCawa, umhla weshumi elinesixhenxe kuNovemba. Umntu obedlula ngendlela uqhagamshelane nabasemagunyeni emva kokuba ebone umzimba wosana olusanda kuzalwa etyholweni. Inkaba yayisabotshelelwe kusana olusandul’ ukuzalwa. Aboncedo lokuqala baye bavavanya umntwana osandul’ ukuzalwa kodwa bafumanisa ukuba ayikho enye into enokwenziwa baza babhengeza ukuba ubhubhile kwindawo yexhwayelo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *