KUBHUBHE ABANTU KUDUBULWANO LWABARHANELWA NAMAPOLISA

Bangaphezu kwesihlanu abantu ababulewe kukudubulana kwamapolisa nabarhanelwa kuhola wendlela uN2 ngakuNdabakazi eGcuwa ngenjikalanga yangoLwesine, umhla wamashumi amabini, kweyoMdumba.

Isithethi samapolisa uLt-Col Siphokazi Mawisa uqinisekisile ngesisiganeko sodubulo, kodwa akakwazi kunika iinkcukacha ezithe vetshe njengoko kusaqhutywa uphando.

“Ingxelo esemthethweni iya kukhutshwa nje ukuba zonke iinkcukacha ziqokelelwe,” utshilo.

Indlela ivaliwe, nto leyo ebangela ukuxinana kweemoto.

Abaqhubi beemoto bajikelwa kwenye indlela njengoko le ndawo sele ibhengezwe njengendawo yolwaphulo-mthetho.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *