Ufunyenwe esaphila umntwana okucaca ukuba uzelwe waze wangcwatywa ngunina kwigumbi elisando kufakelwa kwisakhiwo samawesile eCala. Oku kulandela emveni kokuba amarhamente eve isikhalo esingaqheleka ngethuba kulungiselelwa ukungena kwecawa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga eyoMdumba. Ngokwengxelo, ootata abazinkokheli kulenkonzo ikhokelwa ngu Rev Mngcita bazame ukumamelisisa esisikhalo ukuba sitsho ngaphi, basondele kweligumbi lisandokwakhiwa, kulapho bafumene olusana lungcwatyiwe kwaze kwabekwa necangci ngaphezulu kongezwa ngesitena.
Zaphalala iinyembezi zamarhamente efumana usana olusandula kuzalwa lungcwatywe luhleli, beselelubonakala ukuba lusandakuzalwa njengoba belusene thumbu elidibanisa umama nomtwana (Umbilical cord) kodwa kuye kwanceda amanina enza ngohlobo okwenziwa ngalo xana usana lungaphandle.
Othethela isebe lezempilo uSizwe Khuphelo uthe kungoku umntwana ufumana isihoyo kwisibhedlele i-Indwe esikumhlaba wakuKomani kwaye isebe lezempilo lisebenza kunye nesebe lophuhliso loluntu nanjengoko esisimo sichaphazela lamasebe omabini, uqhubile ngelithi “ukufika kosana kwesasabhedlele luyelwacocwa lwaze lwagcinwa lufudumele, okwangoku usana lukwimeko ezinzileyo kwaye lunezinga leswekile yegazi engu 6.8, abasebenzi abangabongikazi kwesisibhedlele baqokelele imali uxhasa ekuthengeni impala kwakunye namanapukeni alomntwana”.
Ecacisa ngendima edlalwa lisebe ukulwa ezizenzo zibi zenziwa ngomama abakhulelweyo esithi isebe lineekqubo ezijongene nokuthintela ukukhulelwa okungafunwayo ezifana nokunikisa ngezikhuseli kwakunye nokugcwangisa kuzozonke iklinikhi. Uyivale ngamanzwi athi “Isebe liyasigxeka esi senzo sibi kwaye licela abezomthetho baqinisekise ukuba ubulungisa buyenzeka”