ISEBELEZEMFUNDO LITYHOLWA NGOKUBHATALA KADE U-ECD

Iingcali ezijongene nabantwana kumaziko okuhoya abantwana abancinane kweli phondo leMpuma Koloni, zikhalazele isebe lezemfundo malunga nokungahoyi nokubabhatala kade betyhola ngelithi akungoku bexakana nomqa ngenxa yokungabhatalwa lelisebe ngokuba kaloku iinkqubo zemihla ngemihla nokutyiswa kwabantwana kuxhomekeka kwimali abathi bayifumane kwelisebe.

Ingxowa yokuvuselela neyayikhutshwe ngumongameli u Cyril Ramaphosa yenye yezinto ababalule ukuba zizidingo kubo nanjengoko besithi hayi wonke umntu waye wayifumana lengxowa.

UYandiswa Notuku noneziko elijongana nabantwana abancinci eyaziwa ngokuba yi Monde Day Care Centre uthe noko kudala isebe lezemfundo lithatha ixesha phambi kokuba libhatala nto leyo eyenze ukuba kweli ityeli baxoze mphini wumbi baphakame khebasebele unobangela wokuba babhataleke kade yintoni “Ngethuba besiphantsi wesebe lezophuhliso loluntu besisilwa qho xakufuneka sifumene imali,ngoku siphantsi kweli isebe akhonto itshintshileyo” utshilo uNotuku uqhube esithi bayabona ukuba abaxabisekanga kwelisebe ngokuba iimpendulo abazifumanayo azincedisananga nabo.

Esongeza uthe “Kwi-Ofisi yenkulumbuso siyile naseCalata ukuyokumangala ngalomba ngokuba kudala ngoko singaxabisekanga singacingelwa, eCalata baye basiyalela ukuba silinde I 7-14 iintsuku ukuba ababuyeli kuthi kulapho kuzakuthathwa amanyathelo aqatha”.

Othethela isebe uMalibongwe Mtima uphefumle wathi nanjengoko bebebhalele ezingcali umyalezo okanye ileta malunga nokubhataleka kwabo ngomhla wesixhenkxe kweyoKwindla akukabikho nto itshintshileyo. Ngomhla wesibhozo kweyoKwindla oonondaba bazamile ukulandela malunga nomba wokubhataleka kodwa oonomyayi abaphendulwa bakhala epalini de sashicilela.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *