INKOKHELI YE DEMOCRATIC ALLIANCE (DA) UJOHN STEENHUISEN WAYIKISA NGOKUTHATHA AMANYATHELO ENKUNDLENI MALUNGA NOMTHETHO WE-BELA BILL.

Inkokeli yeDemocratic Alliance (DA) uJohn Steenhuisen uthe ukuba iinzame zokumisa umthetho ocetywayo weBELA ngengxoxo aziphumeleli, lo mbutho uzakumsa enkundleni uRhulumente womanyano lwesizwe (GNU).

NgoLwesibini umhla wesihlanu kweyeNkanga, iqela labaphembeleli i-AfriForum kunye neminye imibutho emininzi baqhankqalaza ngokuchasene noMthetho woLungiso lweMithetho yeMfundo eSisiseko (BELA) ePitoli.

Abaninzi bacebise ukuba esi sisoyikiso kwaye kwacima nelifa loLwimi lwe-Afrikansi ezikolweni.

Umthetho we-BELA utyikitywe ukuba ube ngumthetho kwinyanga yoMsintsi, kodwa ukuvumela ukuba kubekho uthethathethwano olungaphezulu, uMongameli Cyril Ramaphosa ulibazise ukuphunyezwa kwamacandelo amabini awo.

Ethetha ecaleni komngcelele weStop BELA ePitoli, uSteenhuisen uxelele amajelo eendaba ukuba le ngxokozelo ingathintelwa ukuba bangafikelela kwisivumelwano sokuyekiswa komthetho weBELA.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *