INDODA EBIZAMA UKUKHUSELA IBHINQA LAYO IDUTYULWE YASWELEKA EGQEBERHA

Imbono zibethabethene kumakhasi onxibelelwano emva kwesehlo saseGqeberha eNew Brighton, bambi bathi ngekubizwe abantu bomthetho, abanye bancoma ukuba ongasekhoyo ebeligorha ngokukhusela ibhinqa lakhe, bambi bathe “ukuzenza igorha ngelinye ixesha kuyingozi”.

Iingxelo zithi ibhinqa ebelihamba nesinqandamathe salo siqaphele umrhanelwa owathi wamqweqwedisa ngeenjongo zokuxutha imoto. Lomrhanelwa ke kuthwa ukhuphe umkhono wekati wadubula phezulu ngeenjongo zokuqhwaya umlo wodubulwano nomfo lo webhinqa.

Kwingxelo yooqalazive, esisiganeko senzeke kusasa apho umfo lo ebezihambela nebhinqa lakhe, ze lona laqaphela lomrhanelwa naye wabe sele ebona ixhoba lakhe waqala ke umlo wodubulwano. Lengxelo ihamba ithi umrhanelwa uye wadutyulwa ze usapho nabahlobo bomrhanelwa bafika badubula umfo lo bezama ukukhusela ibhinqa lakhe wanabela uqaqaqa. Kuthe emva koko bathatha umkhono wekati kamfi bahamba nawo.

Amapolisa asaphanda malunga nesisiganeko.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *