Igqwetha elineminyaka engamashumi amahlanu anesibini ubudala uChupjana Lekoloane Chueu ukhululwe ngebheyile yamawaka amathathu amawaka eerandi emva kokuba ebanjwe ngezityholo zobuqhophololo.
UChueu uvelile phambi kwenkundla kamantyi yaseLephalale eLimpopo ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesithandathu, kle yeNkanga, laze ityala lakhe lahlehliselwa umhla wamashumi amathathu kweyoMqungu ukuze kuqhutyekwe nophando.
“Umrhanelwa ubanjwe emva kokuqhatha owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) imali eninzi ehlawulwe yiRoad Accident Fund (RAF). Ixhoba lalibandakanyeke kwingozi yemoto ngo-2016 laza kamva lafaka ibango kwinkampani yamagqwetha yaseChueu,” sitshilo isithethi samapolisa ephondo laseLimpopo, uColonel Malesela Ledwaba.
Uthi iRAF yenze intlawulo kwiakhawunti yegqwetha, kodwa ixhoba alizange liyifumane imali.
NgoMatshi ka-2021, ixhoba lenza imibuzo kwiRAF laza lafumanisa ukuba i-R500,000 yahlawulwa kwi-akhawunti yetrasti yegqwetha, kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo.
“Nangona kuzanywa ukuqhagamshelana negqwetha, ixhoba alikwazanga ukufikelela kulo. Lo mcimbi wade waxelwa emapoliseni, kwaze kwavulwa ityala lobuqhophololo kwisikhululo samapolisa eLephalale,” utshilo uLedwaba.
Ityala ladluliselwa kwicandelo lephondo eliphanda ngolwaphulo-mthetho lwezorhwebo, nencwadi egunyazisa ukubanjwa kukaChueu yakhutshwa ekuqaleni kwale nyanga, emva kophando oluthathe ixesha elide.
Igqwetha libanjwe ngobusuku bangoMvulo.
Kusenjalo, umkomishinala wamapolisa ephondweni eLimpopo, uLieutenant General Thembi Hadebe ukwamkele ukubanjwa kwegqwetha, watsho esithi ukubanjwa kweli gqwetha kuza kuba sisithintelo nakwabanye ababandakanyeka kubuqhophololo obufanayo.