Iqela leeLobby iAfriForum lilungiselela ukubeka izityholo zobuqhophololo, kunye nemali nokuxhaphaza imali ngokungekho mthethweni ngakwiinkokheli zombutho we EFF, u Julius Malema kunye Floyd Shivambu.
Oku kulandela izityholo ezenziwe ngowayesakuba ngusihlalo weVBS Mutual Bank, uTshifhiwa Matodzi, etyhola esi sibini nezinye iinkokeli zeAfrican National Congress (ANC) ngokuwa kwale bhanki njengenxalenye yesivumelwano sakhe.
UMatodzi uvume amatyala angamashumi amathathu anesithathu aquka ubuqhophololo, ubusela, kunye nokuxhaphaza imali ngokungekho mthethweni, wagwetywa iminyaka elishumi elinesihlanu entolongweni.
Ngokwengxelo efungelweyo kaMatodzi enamaphepha angama-263, i-Economic Freedom Fighters kutyholwa ukuba ifumene iminikelo emalunga ne-R16 yezigidi zeerandi. Udize ukuba lo mbutho ufumana iminikelo yenyanga kunye nezigidi zeerandi kwinto ebizwa ngokuba yimali-mboleko yeshishini kwiVBS ukusukela ngo2017 ngenkampani ebizwa ngokuba yiSgameka Projects.
Ingqonyela yeAfriForum uKallie Kriel uthi, “Siyalele igqiza lethu lezomthetho ukuba lijonge ubunyani kwaye liqinisekise ukuba siyalibhala eli tyala liza kufakwa emapoliseni xa sele lichotshiwe. I-AfriForum ngumbutho ojongene nolwaphulo-mthetho, ngoko ke okokuqala, ndicinga ukuba kubalulekile ukuba sibe nokulingana phambi komthetho, kodwa okwesibini, amalungelo akhuselwe loo maxhoba olwaphulo-mthetho—kule meko ikhethekileyo, ngabathengi be-VBS Bank. ubukhulu becala ngabantu abangamahlwempu.”