Usapho lwakhe lwabelana ngeendaba kwingxelo emfutshane ethunyelwe kwiakhawunti yakhe ye-Instagram eqinisekisiweyo.
“Usapho lakwaChiume lulusizi ukunazisa ngokusweleka komdlali weqonga ophumelele iimbasa wamazwe ngamazwe uConnie Chiume,” ifundeka njalo inxalenye yengxelo.
Ubhubhele kwisibhedlele saseGarden City ngoLwesibini, umhla wesi-6 kweyeThupha kwaye unobangela wokubhubha kwakhe awukachazwa.
Igqala lomdlali weqonga uConnie Chiume usweleke eneminyaka engama-72.

Kwingxelo kumakhasi onxibelelwano, usapho lwakhe luthi uChuime ubhubhele kwisibhedlele iGarden City eRhawutini namhlanje.
UChiume ophumelele iimbasa ezininzi waziwa ngendima yakhe kumboniso bhanyabhanya wamazwe ngamazwe uBlack Panther, iimveliso zalapha ekhaya ezifana neZone 14 kunye neGomora phakathi kwezinye ezininzi.
Usapho lwakhe lucele ukuba ngasese ngeli xesha.