Amapolisa eMpuma Koloni abambe umrhanelwa wesine kwelinye icala lobuqhophololo kwiYunivesithi yaseFort Hare, elibandakanya ubuqhophololo bezigidi zeerandi, ukuxhaphaza imali, nobuqhophololo.
Isithethi sikaLieutenant Colonel Avele Fumba uthi uCraig Retief oneminyaka engamashumi amane anesithandathu ubudala ubanjwe kule veki kwaye uvelile kwinkundla kamantyi yaseAlice eDikeni ngomhla wesine kuTshazimpunzi.
Uthi uRetief uzibandakanye nogxa wakhe uClaudine Davids kunye noSimbongile Geqeza, abanikwe ibheyile yeR10 000 bonke.
Umrhanelwa wesine, owayesakuba yiNtloko yezoPhando kunye noVavanyo, u-Isaac Plaatjies, wabanjwa ngo-2023 kwaye useseluvalelweni, nanjengoko kongezwe amatyala ngakuye.
Ityala lidluliselwe kwinkundla yezoRhwebo eMonti, apho abatyholwa bazakuvela kwakhona ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuCanzibe.