BANGCWATYWE NGESIDIMA NESITHOZELA ABANTWANA ABABULEWE NGAMASHWAM-SHWAM

Bangcwatyiwe abantwana abahlanu baseSoweto ababhubhe emva kokutya amashwamshwam, ekutyholwa ukuba ebenetyhefu. Okulusizi kukuba, umntwana wesithandathu, obekwi-ICU esibhedlele kuthiwa uswelekile.

Umama wakhe, obeyinxalenye yabazili abebezimase inkonzo yomngcwabo wabanye abantwana abahlanu kwiholo loluntu eNaledi eSoweto, ubizwe ukuba aleqe kwiziko lezempilo, nalapho zavakala iindaba zokusweleka konyana wakhe.

Abantwana boyiswa kukuzibamba balila. USihlalo weDivine Intervention eNaledi, uGordon Rampolokeng, ubhengeze ukusweleka ngexesha lenkonzo yomngcwabo wabantwana abahlanu eNaledi.

Inkulumbuso yaseRhawutini, uPanyaza Lesufi, uthi iiarhente zogcino mthetho azizukushiya nto, de zifumane oyena nobangela wetyhefu ekutyholwa ukuba ikhokelele ekubhubheni kwaba bantwana.

“Kukho abo banikwe lo msebenzi unzima wokukhomba unobangela woku kufa. Baya kuphumeza umyalelo wabo ngesantya esiyimfuneko. Akufuneki bacuthe kuphando lwabo. Uphando lwabo kufuneka ludlulele ngaphaya kwemida yeNaledi. Ezi mveliso zaveliswa kwindawo ethile. Kukwafuneka sifumane abavelisi bezi mveliso.”

Esi sehlo sibangele ukuba uluntu lwase Soweto lurhwaphilize luvale iivenkile ezithengisayo ezaziwa ngokuba zizipaza eziphethwe ngabemi bangaphandle.

Omele imibutho yeeNkolo, uMfundisi uSiyabong Mphikwa uyacacise wathi

“Oku kukuphindwa kwento eyenzekayo kunyaka ophelileyo. Njengombutho osekelwe elukholweni siyazibophelela ukuba kwanele. Makukhanye eNaledi. Akusayi kungcwatywa imiphefumlo emincinci emsulwa kuloluntu. Sithi kwanele singabefundisi.”

Iinkcukacha zomngcwabo womntwana wesithandathu uKatlego Olifant zisazakubhengezwa.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *