BAGXOTHIWE ABEMI BOKUFIKA NEVENKILE YABO KWIILALI ZASEXESI

Ziqengqelekile iintsuku abantwana begula besweleka kweli loMzantsi Afrika, emva kokuba betye izimuncu muncu abazithenge kwiivenkile zabo bokufika. Kodwa emva kwesiganeko sokufumaneka kweepilisi kwii chips zomntwana waseChwarhu,eXesi. Abahlali baye bathetha ngelizwi elinye bathatha isigqibo sobagxotha ukuthintela ukonzakala kwabantwana.

Nanjengoko ibigcwele kumakhasi onxibelelwano bethutha abo bokufika, emva kokukhutshwa ngesihle ngabahlali, bambi kwindawo ezohlukileyo kweliphondo leMpuma Koloni basiqhwabele izandla esisenzo sabahlali baseXesi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *