BABHOKILE OONQEVU EGQEBERHA

GQEBERHA- Kudutyulwe abantu abasixhenxe kwasweleka abathandathu kwisitalato iKani, eVeeplaas eGqeberha ngomhla we-12 kule imiyo.

Ngokwengxelo edizwe ngamapolisa kufike amadoda axhobile angaziwayo kwindlu ethile azivulela imbumbulu kwasweleka amadoda asithandathu kwalimala ibhinqa.

Isithethi samapolisa eMpuma Koloni uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthe, “Esi siganeko senzeke ebusuku ngentsimbi yeshumi.”

Ityala lokubulala ngabom livuliwe kwisikhululo samaPolisa wakwaZakhele.

Akukabanjwa mntu okwangoku kodwa amapolisa asebenza nzima ukuqinisekisa ukuba abanqevu bayabanjwa.

Amapolisa abongoza na bani na onolwazi olunganceda koluphando, atsalele uWarrant Officer John Lourens kwezi nomjolo: 071 352 4706 okanye kwinombolo yamapolisa engabhatalelwayo ku-08600 10111

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *