BABANJIWE ABASEBENZI MGODINI ABANGEKHO MTHETHWENI

Bebonke abasebenzi-mgodini abangekho mthethweni abalishumi elinesine, abaquka inkwenkwana eneminyaka elishumi elinesine ubudala, ababanjiweyo emva kokuba befike phezu komhlaba ku-shaft 10 nodityaniswe neshaft 11 eStilfontein eMntla Ntshona phezolo.

Isithethi samaPolisa kuzwelonke uAthlenda Mathe uthi abasebenzi-mgodini bakhethe ukuphuma ebusuku, becinga ukuba amapolisa ebengasahlali eshafini.

Uthi abanye babaleke babuyela eshafini nje bakubona ukuba kukho amapolisa.

UMathe uthi oku kubonisa ukuba abasebenzi-mgodini abangekho mthethweni abavaleleki kodwa bakhetha ukuhlala phantsi komhlaba.

“Bali-14 bebonke abasebenzi-mgodini abangekho mthethweni baphinde bavuka ngokuhlwa ngeCawe kushafti 10 ekufutshane neshaft 11 apho bonke aba basebenzi mgodini bangekho mthethweni bebephinde bavela khona. Ke, ibonakalisa nje ukuba ezi shafts zimbini ziqhagamshelwe kwaye akukho mntu ubanjiweyo – banokuphuma bebodwa- bayala nje ukuphuma baphinde bavele kwakhona kuba benqanda ukubanjwa. “

UMathe uthi ngethuba besenziwa udliwano-ndlebe, abanye babasebenzi-mgodini abangekho semthethweni baqinisekise ukuba kukho amadoda axhobe kakhulu ngaphakathi emigodini angahambisani nokutya okunikwa bona kuba bengafuni ukuyekisa umsebenzi wokomba ongekho mthethweni.

“Bayasixelela ukuba ukutya namanzi athathiwe ngala madoda axhobe kakhulu kwaye abawaniki aba basebenzi-mgodini bangekho mthethweni – bazigcinele bona kuba bafuna ukuqhubeka nomsebenzi wokomba ongekho mthethweni.”

UMathe uthi bonke abo babanjiweyo baseluvalelweni lweSAPS.

Ngoko ke, bonke abali-14 babanjiwe kwaye phakathi kwabo kukho inkwenkwana eneminyaka eli-14 ubudala. Ke, bonke aba ngabemi baseMozambique, kwaye sele belungisiwe kwaye bakwiisele zogcino lweSAPS. Imisebenzi yethu iyaqhubeka – sime nkqo. Siyazi ukuba bebengalindelanga ukuba sibelapho ngela xesha lobusuku kodwa imisebenzi yethu ingo-24/7. ”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *