AYISEKHO KWELI LIMAGADA AHLABAYO IMBETHI MAQINDI

MDANTSANE- Imbethi maqindi neyintshatsheli uZolani Tete(37) oyinzalelwana yaseMdantsane ugagene nemvula yeembubulu ngexesha engena ekhayeni lakhe ngorhatya lwangoLwesihlanu eMdantsane. 

Ngokwengxelo etyekezwe yiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika(SAPS) kwiphondo leMpuma Koloni igxininisa ukuba esisithwakumbe senzeke malunga ngexesha umkhono wentsimbi yesithandathu ngorhatya lwemivundla. 

“Uphando lethu lityekeza ukaba lokaTete ebevela ukuzilolonga kwaye ebehamba nenina(27) eyokuvula isango lakowabo ngexesha egagana nemvula yeembumbulu,” batshilo abakwantsana. 

Othethela abakwaSAPS kwiphondo leMpuma Koloni uBrigadiya Nobuntu Gantana unqwalile ukuba abarhanelwa bebezogqume ubuso kwaye behamba ngesithuthi ngexesha bevulela iimvula yeembumbulu ngakuTete.

Ukuzokuthi ga ngoku abakwantsana bakhangela ezicithini kunye naphantsi kwamatye abarhanelwa nanjengoko besagcwele amathafa.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *