Abaqhubi beenqweelo-mafutha banikwe elinye ithuba lokuthotyelwa amaxabiso epetroli, nanjengoko iSebe lezaMandla libhengeze ukuthotywa kwamaxabiso epetroli elizakuqala ukusebenza ngomhla wesibini kweyeDwarha.
Isebe libengeze uhlengahlengiso lwethutyana kumaxabiso othutho ezindleleni kwi petrol nedizili kummandla wase Nelson Mandela Bay ngenxa yokuvalwa okwethutyana kwezibuko laseBhayi, nanjengoko le mveliso kuzakufuneka ithathwe eMonti ukuya kulo mmandla. Umlawuli wesebe kumaxabiso epetroli, u Robert Maake ucacise wathi, “ipetroli ye 93 Octane izakwehla nge R1.06 ilitha. Iparafini ekhanyisayo kwinqanaba lokuthengisa izakwehla nge R1.48 ilitha ngelixa igesi ye LP izakunyuka ngeesenti ezingamashumi amabini anesithathu ngekhilogram”. Lo ka Maake uthe izizathu zoluhlengahlengiso kukuhla kwamaxabiso e-oyile kunye nokomelela kwerandi kwidola ngeli xesha liphantsi kovavanyo.
Oku kuthotywa kuphawula ukuhla kwexabiso lesihlanu ngokulandelelana ukusukela ngoMeyi kwaye liza kuza kuba malunga ne R4.06 ngelitha ngaphantsi kwexesha elifanayo kunyaka ophelileyo ka 2023.